UNkos’ uBhikitsha ugxeka ukuhlaselwa koceba waseAmathole

Emva kwesithwakumbe sokuxhatshazwa, kundlandlathekiswa uceba weANC uNanziwe Rulashe, kwizakhiwo zoMasipala waseAmathole eMonti, uNkosi Manduleli Bikitsha wesizwe samaMfengu uthi akanakuthula.

“Ndithetha njengeNko

UNkosi Manduleli Bikitsha

si nomhlali ngaphambili kumaMfengu apha phantsi kobuKumkani bukaGcaleka (Ah! Vulikhaya). Siziva sidandathekile sonakele ezintliziyweni nasemphefumlweni kukuxhatshazwa koceba waseMathole,” uqale ngelo uBhikitsha.

URulashe warhuqwa endlandlathekiswa ngoonogada besakhiwo soMasipala waseAmathole bekunye negosa elithile elilinenekazi.

Oku kwabangela isankxwe nkalwana zonke zelizwe, kwimibutho yamalungelo oluntu neyezopolitiko.

“NanjengeNkosi esizweni nabakhuseli besiko nesithethe, umgaqosiseko weli lizwe awuhambisani nokuxhatshazwa kwamakhosikazi, ngoko ke asinakuthula,” utsho uBhikitsha.

Esi siganeko sesinye kwezibonakalisa ubushushu bomlo neeyantlukwano zangaphakathi koMasipala abakhokelwe yiANC.

“Siyakukhalimela ukuphathwa kakubi kukaceba uNanziwe Rhulashe, kuba kukhupha isidima sakhe,” utsho uBhikitsha.

Ubukhosi bakwaBhikitsha bukhokele kwindlu yamaMfengu eyenziwa ngooDlamini eMpuma Koloni.

“Sitsho sisithi umbutho walo ceba iANC kunye noRhulumente ngokomthetho mawuthabathe amanyathelo kwabo bachaphazelekayo singade siphakamise amakhwapha siziiNkosi zamaZizi,” kucacisa uBhikitsha.

Isizwe samaMfengu sakhiwe ngezindlu eziquka uBhikitsha, Ndinisa, Sangqu, Pokwana, Xhabadiya, Solontsi, Njokweni, Mahlanza, Bhulube, Xengxe, Mtshotshisa, Nqwena, Ngcongolo, Mgodla, Zazela, Ndlazi, Madubela nezinye.

Lo ceba sishwama naye sisisizwe samaMfengu ooDlamini, asinakuthula ngathi akwanzekanga nto,” utsho uBhikitsha.

Kwiveki ephelileyo ikhaya lalo ceba lihlaselwe ngemvula yeembumbulu kusophuka iifestile, kodwa akukho mntu uthe walimala.

INkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane utyelele ikhaya lakwaRulashe emva kokuhlaselwa ngeembumbulu.

“Kukho igqiza elikhethekileyo lamapolisa eliqhuba uphando ngesi siganeko ngelizama ukufikelela ezingcanjini zonobangela wale ngxaki, sinethemba lokuba bakufumaneka abenzi beli sikizi,” kutsho uMabuyane.

Othethe egameni lamapolisa eMpuma Koloni, uThembinkosi Kinana, uqinisekisa uphando kwesi siganeko.

“Lukho uphando oluqhubekayo malunga nokuhlaselwa kwekhaya likaceba waseAmathole uNanziwe Rulashe,” utshilo uKinana.