Umfanekiso oyokuhlala ucacile kwinkumbulo yam kukubona uLetshego Zulu emaxhaphetshu ebaleka ecaleni kwestretsha sebhayisekile ithwele umyeni wakhe (Gugu Zulu) kwindlela yegrabile.
Kundiza entloko ukubona incutshe kwezomdyarho ebisaze ngobuso isweleka ngenxa yemeko yezempilo engentlanga.
Amadoda amathandathu aqhube ibhayisekile ebelayiswe kuyo umgama ongangeekhilomitha ezingamashumi amathathu anesibini ukusuka eKhilimanjaro National Park, uhambo oluthathe iiyure ezine kungekho ncedo.
Umbuzo ngowokuba, kutheni iziko elifana neli lingenandawo zonyango, kwakunye nendlela yokusindisa abo babulalekayo?
Le ndawo isingatha amawakawaka wabakhenkethi abaphuma kwihlabathi liphela, nabaphuma kwalapha eTanzania, befuna ukunyuka eyona ntaba yakhe yaphakama kwilizwekazi le-Afrika, bekufanele ukuba yenze ngcono kunoku.
Ugugu ebengaphilanga, efumana uncedo lezamachiza emva kokuvelelwa ziingxaki zempilo ukususela ngenjikalanga yangecawe.
Isikhalo esikrakra esenziwe nguLesego besihlokoma kwiindawo ebesiphumle kuzo kwinkampu esencamini yentaba iKilimanjaro emva kokufumanisa ukuba umyeni wakhe akasaphefumli.
Bekukwindawo apho besidibene singamashumi amane anesithathu sidibene ngokubhiyozela usuku likaNelson Mandela, sinyusa nengxowamali ngenjongo yokuthengela amantombazana iziqhusheki zangaphantsi (Sanitary towels).
Amashumi amane anyuke intaba iKilimanjaro ngobusuku bangecawe, ngaphandle kosapho lakwaZulu.
Babuye apho izolo befikela kwiindaba ezibuhlungu zokubhubha kukaZulu. Bonke bathethe ngexesha labo lokugqibela noZulu.
Njengoko silungiselela ukukhumbula ubomi bukaGugu, ndiphatheke kakubi kukubona owasetyhini, unkosikazi, umama ebaleka ecaleni kwebhayisekile, ekhala, ethandazela umyeni wakhe.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa