Unobangela wokudodobala kwamashishini amancinane

UGqirha Bongile William Mbambo

NGOKOHLOLO nophandosifundo olwenziwe nguGqirha Bongile William Mbambo, amashishini amancinane aseMpuma Koloni akanamthamo wokudala imisebenzi, ngenxa yokuswela inkxaso kwanezakhono zoshishino.

UMbambo, inzalelwane yasemaXesibeni (Mount Ayliff), nosebenza kwiSebe lezoThutho kuzwelonke, uthweswe isidanga sobugqirhalwazi (PhD) kuLawulo loLuntu (Doctor of Public Administration), kwiYunivesithi yaseFort Hare eDikeni kwiveki ephelileyo.

Intlokondaba yethisisi yakhe ithi “ukuhlolwa kwegalelo lamashishini amancinane (SMMEs) ekudaleni ingqesho eMpuma Koloni”.

Olu phandosifundo lukaMbambo luhlole abanini bamashishini amancinane abangamashumi amahlanu baseMpuma Koloni, apho luye lwafumanisa ukuba la mashishini akadali misebenzi ethe xhaxhe, kunoba bekulindelwe.

“Olu phandosifundo luqaphele ukunqongophala kwenkxasomali kwanezakhono zoshishishino njengezona zinto zikhokelela ukuba luhambe ngesantya sonwabu udalomisebenzi.

“Ngoko ke olu phandosifundo lundulula kwelokuba urhulumente abe ngathi uyaqina ekuxhaseni ngemali la mashishini mancinane ze emva koko kubekho ucweyo ngezakhono zoshishino kuquka noqeqesho kubanini bamashishini amancinane. Olu phandosifundo lukwacebisa ukuba kwenziwe umzamo kwinkqubo yezemfundo ukuze iquke uphuhliso lwezakhono zoshishino ngeenjongo zokuphucula oosomashishini abasebancinane,” sitsho isicatshulwa solu phandosifundo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokuthweswa kwakhe isidanga, uMbambo uthe: “Into endithe ndayifumanisa kukuba amashishini amancinane, akayidali imisebenzi ngale ndlela kulindeleke okanye kujongwe ngayo. Into eye ibe yingxaki kukuba abakwazi kufumana malimboleko ethe xhaxhe ezibhankini. Kwankqu nakurhulumente, inkxaso abayifumani ngendlela eyonelisayo.”

“Abanye babasomashishini abanazo izakhono zokulawula amashishini. Kufuneka bafuthwe ngolwazi. Namaqumrhu karhulumente mawaxhase la mashishini, kodwa angapheleli apho nje kuphela, koko banikwe noqeqesho ngokwezakhono zokulawula imali kwanamashishini,” utshilo uMbambo.