Unobuhle waseQonce upapashe incwadi ekhuthaza abangenathemba!

UNonelela Melissa Ndzube obhale incwadi ethi, “I Am What I Choose to Become.” UMFANEKISO: UTHUNYELWE

I Am What I Choose to Become” esi sisihloko sencwadi epapashwe nguNonelela Nonie Melissa Ndzube enjongo yayo ikukukhuthaza abo balahla ithemba ebomini.

Le ncwadi nebhalwe ngesiNgesi ngaphakathi ityebile kwaye imalunga nokukhuthaza abalahlekelwe lithemba ekubeni bazifune kwaye bazibuze nemibuzo ukuze baphakame nokuba imeko ithini.

I Am What I Choose to Become ayisiyoncwadi nje, isisixhobo sokuba umntu akwazi ukukhula futhi alazi nephupho lakhe ebomini atsho alilandelele,” utshilo uNdzube.

Uthi awuzuzisola xa uthe wayifunda le ncwadi kuba ininzi ekuqulathe ngaphakathi kwaye iqulathe ebekukudala kudingeka ingakumbi kongasenalo ithemba.

UNdzube yintwazana eyazikhela ubudlelwane kwakunye noYesu iselula ngokweminyaka. Kule minyaka yakhe iselula sele kukuninzi akwenzileyo nokuphantsi kwegama lakhe nanjengoko engumsunguli weMelissa Ndzube Foundation.

Ukwanguye nomsunguli we-In God’s Era Movement nenjongo yayo ikukucebisa kwanokukhuthaza abantu abatsha ekubeni baphile ngokwentando kaThixo.

UNdzube ukwanguye nomsunguli kaMiss King William’s Town, Modelling neBeauty Academy.

Incwadi ixabisa iR200, xa ufuna incwadi ungamlandela kumakhasi onxibelelwano onke uyafumaneka. Okanye umtsalele ku-067 002 9429.