Unobuhle wayelixhoba lokudlwengulwa

zi elinguMrs Nelson Mandela Bay kumsitho obuseBhayi.

Inkosikazi
ekhonya njengonobuhle wommandla waseBhayi neziphaluka uMrs Nelson Mandela Bay
2017 uthi wakha waphila ubomi bentshontso njengenina,
 exhatshazwa sisinqandamathe awayenaso  namanye amadoda.

Ngethuba
bekubanjwe umsitho wokubhiyozela usuku lwamanina kwiholo lesixeko saseBhayi
iCity Hall,  uDiana Johns uchazele
inginginya ebizimase loo msitho ukuba waba sisisulu sokunkulwa rhoqo yindoda
awayethandana nayo kwada kwakho namaxesha okuzicingela ukuba akasento yanto
efanele ukuphila.

Uthe
ukudlwengulwa yaye iyinto yakhe,  amadoda
ezikhelela kuye kulo mhlaba ungezantsi.

“Ndibe
sisisulu sokuxhonyiswa ngemikhonw’ ekati ngamadoda  amatyeli ade amabini, ndikhatyiwe,  ndirhuqwa phantsi okwenja, ndikhule kabuhlungu
ndixhatshazwa,” utshilo.

Le
nkosikazi ithe,  ladlula ixesha lokulala
ngeenyembezi kuba yazifumanela undofanaye omonwabisayo nowamhlangulayo kobo bomi,
 esithi ngenxa yakhe yada yaguquka yangumKristu.

“Ngoku
ndiphila kamnandi ndisebenzela iinkedama nabanye abangakwaziyo ukuzenzela nto,  ndithabatha inxaxheba kumalinge nemisebenzi
yoluntu, ” uthethe watsho.

Kwakulo
msitho,  usodolophu wale ndawo uAthol
Trollip,  nobephelekwa ngowakwakhe,  uthe amanina aphila intlalo ebuhlungu phantsi
kwesandla samadoda,  esithi amanye angene
engcwabeni ebulawa ngawo.

“Usiphakamisa
njani isandla phezu komntu obhinqileyo, lo phofu uthi uyamthanda? Umgaqo-siseko
wethu uthi amanina ayalingana namadoda ngamalungelo,  kutheni ingade ibe yinto ehlonitshwayo leyo
ngamadoda?” ubuzile uTrollip.

UTrollip
ukhuthaze amakhosikazi esithi mawangatyhafi,  anganikezeli,  esithi izinto ezilungileyo zithabatha ixesha
elide ukwenzeka.