USEKELA Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uButi Manamela uliqhwabele izandla izikomfundo iFort Hare ngokuvelisa oogqirha-lwazi (PhD) abakwikhulu elinamashumi amahlanu anesithathu (153) ngo2018.
Le nkcazelo ivele ngethuba uManamela etyelele eFort Hare kwiziko eliseMonti kule veki. UManamela ebetyelele eFort Hare naseWSU kule veki ukuza kuhlola ubume bokubhaliswa kwabafundi.
KwaNokholeji, indlela eteketiswa ngayo iFort Hare, uManamela uxelelwe ukuba ufunqukile umthamo wokuthweswa izidanga koogqirhalwazi ukusuka kwikhulu elinesine (104) ngo2017 ukuza kwikhulu elinamashumi amahlanu anesithathu (153) ngo2018.
“Yinto enkulu le. Kodwa into exhalabisayo kukuba iyunivesithi (Fort Hare) ithi akululanga ukufumanela iindawo abo bafuna ukuqhuba nemfundo yabo emva kokuthweswa izidanga (postgraduate), ngenxa yobuninzi babo.
“Iyasivuyisa kakhulu le nto kuba into eqhelekileyo kukuba xa abafundi bethweswe izidanga zabo zokuqala (undergraduate) bafuna ukuyokusebenza. Xa uza kufumana iFort Hare inengxinano yabo bafuna ukufundela ubugqirha-lwazi (PhD), yinto esifanele ukuba siyiqhwabele izandla,” utshilo uManamela.
UManamela ukwadize ukuba urhulumente ubekele bucala iibhiliyoni ezilishumi elinesibini (R12bn) ezibekelwe bucala ukuphucula imigangatho yeeyunivesithi zeli loMzantsi Afrika, logama iibhiliyoni ezisibhozo (R8bn) zibekelwe bucala ukuphucula imigangatho yeeTVET College.
Kundlunkulu wakwaNokholeji eDikeni, uManamela uthi kuza kubakho iibhedi ezintsha ezikwiwaka elinamakhulu amane (1 400) ukuzama ukukhawulelana nabafundi abangenandawo yokuhlala logama iWSU eMthatha iza kuxandisa indawo yokuhlala kwabafundi ngeebhedi eziliwaka.
UManamela ukwathe: “Ndiyavuya ukubona oomanejala baseFort Hare bezimisele ukunceda abafundi abangenamali, babe beqhuba kakuhle kwizifundo zabo. Yinto ebalulekileyo leyo, ukuba abafundi bafikelele kwezemfundo, xa nje beyazi ukuba banamatyala futhi bazenzile izibhambathiso zokubuyisa loo mali.”
Yena oyingqonyela yaseFort Hare uNjingalwazi Sakhela Buhlungu uthe: “Siyalwamkela olu tyelelo lukaSekela Mphathiswa, sikwenza oko sikwazi ukuba kudala besincedisa kwiziko lethu.”
UBuhlungu uqhwabele igalelo lesebe leMfundo ePhakamileyo ngokukhupha iingcaphephe zalo eziza kujongana nemigangatho yaseFort Hare iminyaka emithathu, zikwenza oko zihlawulwa lisebe hayi iFort Hare.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo