Unomathotholo uphulaphulwa zizithulu?

Kwezi veki siphuma kuzo sikhe sathi gqolo ukubhala ngamajelo osasazo asekuhlaleni. Umzekelo sikhe sabhala nge-Unitra Community Radio (UCR) epha eMthatha, sithetha nomphathi, sikwaqinisekisa namahum-hum okuba iyazika na inqanawe yabo?

Sikhe saphinda sayokukroba napha eNgcobo; apho iNgcobo Religious Community Radio nayo siyifumene ikwiingxaki ngeengxaki. Sibhala nje ngoku kusaliwa akukabikho siqinisekiso ngekamva leli jelo losasazo.

Ndiqinisekile nawe mfundi wephepha kudala wafunda ngamajelo osasazo asekuhlaleni abhuqwa ziingxaki zempatho embi okanye amajelo aneebhodi zolawulo ezingenamava.

Kuzo zonke ezi zinto simane sizifunda, nesimane sizipapasha, kumane kusithi qatha umbuzo omnye kuthi.

Baphi abaphulaphuli bala majelo osasazo?

Ewe siyazi ukuba baninzi, ingakumbi pha e-UCR ebetha ngaphaya kwe-100 000 yabaphulaphuli kodwa asikhe sizive izimvo zabo ngezi ngxelo sizipapasha ngezikhululo zabo. Eli lithuba. Sinomdla nyani, kwaye singacela ukuba abaphulaphuli baqale nabo ukuthumela iingcebiso neminqweno yabo. Ukuba bekunokuba ngawe, ubunokwenza njani? Ngokunokwakho ucinga ukuba yinto ebetha ezi zikhululo zikanomathotholo?

Thina umnqweno wethu mnye; kukuba lamajelo osasazo asebenze kakuhle kwaye akhule ukuze nathi siliphepha sikwazi ukusebenzisana nawo; sabelane ngamava, ngeendaba nezibhalo. Okwangoku kukhangeleka ngathi kunzinyana.

Ewe, siyazifumana iileta ezisuka kubasebenzi bala majelo osasazo, bambi ngabantu abagxothwayo okanye ngabasesichengeni sokuphuma. Siyavelana nabo. Ingxaki isoloko iyibhodi yolawulo, umphathi okanye imali.

Pha kwicala laseMt Ayliff kukho i-Alfred Nzo Community Radio station, enabaphulaphuli abangaphaya kwe-250 000. Yeyona inkulu ephondweni, kwaye asikhe sive ngeengxwaba-ngxwaba zapha.

Benza njani bona? Mhlawumbi ooma-UCR noo-Ngcobo Religious Community Radio bangafunda kubo.

Ekupheleni kosuku, unomathotholo ngowabaphulaphuli, hayi abaphathi nabasasazi; yizani nazo ke zidwesha!