UNomisupasta wabelana ngeqonga noManifest

UNomsa Mazwai ucula nemvumi yaseGhana uManifest kwicwecwe lakhe elitsha. Esi sibini senze ingoma ebizwa ‘Cupid’s Crooked Bow’. UNomisupasta, nanjengoko esaziwa, ngumbhali weencwadi kwakunye nomzobi. Ungumanejala weSoweto Theatre, kwakhona sakumkhumbula nanjengomlawuli we-Emthonjeni Arts Centre eseHamburg kwiMpuma Koloni.

Intatheli yethu incokole neli gqiyazana.

1. Khawusibalisele kancinane ngentsukaphi yakho, ungubani kanene?

Igama lam ndinguNomsa Mazwai, odume ngelikaNomisupasta. Ndazalelwa eRhawutini, ndaze ndakhulela ePimville, eSoweto, ndikhuliswa ngutata wam emva kokusweleka kukamama. Utata wam ngowaseNqgushwa, umama wam wayeyintombi yaseMqanduli, kodwa benjenjeya ukuya eGoli ukuya kuqala ubomi obutsha.

Ndazalelwa apho eRhawutini. Ndiyinkokhelikazi, intombazana enemibono emihle ngobomi kwaye ehlala ijonge ukufezekisa amaphupha wayo nalawo wabanye.

2. Luvela phi oluthando lolonwabo, ingakumbi umculo?

NM: Ndiphuma kusapho oluvumayo, macala omabini. Oomakazi bam bonke basemculweni ngokunjalo notatomncinci. Ngoko ke ndicinga ukuba le nto ilapha kum egazini.

3. Khawusibalisele ngale ngoma yakho noManifest?

NM: U-Cupids Crooked Bow yenye yeengoma zam endizithandayo, kuba ngethuba ndiyibhala ndandibona intombazana yomXhosa uNomisupasta. Inina elomeleleyo, elingoyikiyo ukuthetha inyaniso kwindoda eliyincokolisayo.

Le ndoda ngumkrexezi, ikrexeza njalo kwaye ihlala ithetha ubugqwetha. Kule ngoma, ndibonakalisa inenekazi elithanda iqabane layo, elilaziyo iqabane layo kodwa lithe gqolo ukulithanda.

Singamanenekazi, nokuba siyazi ukuba siyakrexezelwa ngamaqabane ethu, siye senze ngathi asiboni. Kulungile ukwenza ngathi akuboni esidlangalaleni, isidima sakho kaloku.

4. Benidibene phi noManifest, kwaye kunjani ukusebenzisana naye?

NM: UManifest weva enye yeengoma zam zidlala emotweni, waze walithanda ilizwi lam. Wazama ukundikhangela kumakhasi wonxibelelwano, phesheya kwezilwandle – waze wandifumana kuloliwe e-UK ebizwa Afrika Express, waze wandibuza kudade wethu uThandiswa.

5. No Where Cool. Ingantoni le ngoma, kwaye lungakanani igalelo lakho kuyo?

NM: Itayitile yale ngoma #Nowhercool idlala ngamagama, ingangu ‘No where cool.’

6. Khawusikhumbuze eminye imisebenzi yomculo osele uyenzile?

NM: Icwecwe lam lokuqala uNomisupasta laphumelela imbasa yeSAMA. Ndaze ndanengoma yam uTraveler endiyenze noBlack Coffee, ethi Musukungsukela, endiyikhuphe noVANCO. nendiyenze ukukhalimela ubuhlanga ngakuPenny Sparrow, yenye yeengoma ezikwicwecwe lam eliphumelele imbasa.

7. Zeziphi ezinye izicwangciso onazo ngomculo, mhlawumbi ungathanda ukusebenza nabani?

NM: Ndingathanda ukusebenza noKwesta, Maleh, Somizi kunye noRobert Glasper

8. Ufumaneka phi kwezi ntsuku, kwaye uxakeke yintoni?

NM: Ndihlala ndikuTwitter naku Instagram @nomisupasta. Ndikhona nakuFacebook nakumnatha wam othi: www.nomisupasta.com