NjengoKUba uninzi lwabantu luleqa amagama amakhulu kule marike yoonomyayi, ubungakhumbuzeka ukuba akhona amanye amashishini adlala kwalapha.
Ngemali esisiqingatha ukuthenga ismartphone sikanokutsho, ungajonga apha kwaHisense.
Unomyayi wabo we-Infinity H12 ngumanqam kuluhlu loonomyayi owakhiwa leli khaya. Sifumene iinyanga ezimbalwa siyisebenzisa imini ngamini njengesiqhelo, ukuze sizibonele ukuba ilungele na ukufanela abo bawusebenzisa ixesha elininzi unomyayi ukuthumela izinto zomsebenzi, nokudlala uWhatsApp, Facebook, Instagram nawo onke amanye amaqonga kumakhasi omnatha.
Siqala nje apha ekubeni umhle mpela lo nomyayi. Sivuyele ukufumana umzekelo ongumbala weBlushing Pearl, ongumbala owahlukileyo kunowesiqhelo.
Oku kwenza abanye abantu bemana ukukubuza ukuba ngowuphi lo unomyayi obukeka ohlukile. I-screen sayo singange-6.19inch, usebenza nge-Android 8 Oreo Operating System
Oku kwenza ufane nabanye abantwana abacinga ukuba babhetele kunawe. Yakhiwe ngeglasi ye-2.5D ukuze inike ukuqina ingaqhekeki lula xa uye wayiphuncula esandleni. Yintoni eyonanto ibalulekileyo xa uthenga unomyayi kwezi ntsuku? Kukuba ibhetri izokuhlala ixesha elingakanani.
Apha kwiHisense Infinity H12 kusetyenziswa ibhetri ye-3500mAh edinga udlamko emva kweentsuku ezilishumi elinanye xa ilayitiwe ingasetyenziswa, okanye ihlale kangangeyure eziyi-7.5hrs xa uyisebenzisa ungayiphumzanga.
Ayingobhazabhaza osindayo kodwa, kuba lo nomyayi ukhaphukhaphu kangange-155 grams, futhi angene lula empokothweni. IHisense Infinity H12 igcwala ibhetri ngokukhawuleza nge-2.5 hrs. Ingagcina kangange-32 GB yemifanekiso neevidiyo nee-applications ezifana noo-Instagram, Photoshop, Facebook nezinye zezi ntsuku.
Ukuba ufuna imemori eyongezekileyo, ungafakela ikhadi leMicroSD elingange-160 GB. Inoba sewufuna ukwazi ukuba i-Infinity H12 inekhamera enjani. Zintathu zizonke.
Ngaphambili kunekhamera ye-16MP elungele mpela iiselfi. Ngasemva zimbini, eye-12MP neye-5MP ezisebenzisana ukunika iBokeh Effect ibengathi unguchwepheshe kwezokuthatha imifanekiso, zize zisebenze kakuhle kakhulu ukuthatha imifanekiso xa kusibakele naxa kusebusuku.
Zininzi ke izimo zokusebenzisa ezi khamera uthathe iividiyo ngonyawo lonwabu, ithathe umfanekiso xa ibona ubuso obunoncumo, okanye idibanise imifanekiso embalwa yenze umfanekiso omnye. Zikhona zonke iindlela zokukhusela izinto zakho ebantwini.
Okufana nefingerprint ID, ibona ubuso iyazi ukuba ungumniniyo, nazo neziqhelekileyo zokubona into ethile okanye ucofe amanani aziwa nguwe wedwa. Asichazekanga yiyo yonke into kodwa.
Kukho umngxunya omnye wokufakela icharger okanye ufake i-earphones. Ngoko ke, awukwazi ukumamela nto okanye ubukele nto kulo nomyayi ngaxeshanye ube umfake kwicharger.
Ukuba ufake icharger, kuza kunyanzeleka ungxolele ongqengqe ecaleni kwakho ekamereni okanye uzibukelele izinto zakho ade aphelelwe yibhetri umakhal’ ekhukhwini.
Amaxabiso:
Hisense Infinity H12 – R4 999
Silandele kwiTwitter ku-@ilisolezwe, kwiFacebook ku “Ilisolezwe”, nentatheli yethu kwi-Instagram ku-@dozerdrives.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman