UNongqiza kugqatso lobuMongameli kwiANC

Lindiwe Sisulu

UFIKE e-ICC eMonti ebonakala ekhaphukhaphu, eneempawu zokudlamka ezikhatshwa luncumo ebusweni kwanesinxibo esithi ‘ndijonge’.

Phambi kokuya kwinginginya yoluntu, uNongqiza – isiqhulo sikaLindiwe Sisulu – uxhawule amalungu eANC Women’s League, ewancamisa ngendlela enobubele.

Emva koko uzibandakanye nomdaniso obulungiselelwe yena liqela lexilongo, wandula ukuya kuloo nginginya ibimlinde ngomonde ngaphakathi eholweni e-ICC.

Abantu kuye babona ilungu leANC elingaphelanga nje ukucikidwa nokuphiwa ubuhle, kodwa elicikidwe futhi lacikidiswa kwizithethe zeANC.

Kuye babona umchasi wobuqhophololo, ithemba kwanenkokeli “engavuselela” iANC.

“Ngoyena mntu ndimthembileyo, uzelelwe kwiANC futhi wayisebenzela esemncinci. Into yokuba uzalwa nguWalter noAlbertina Sisulu ayithethi kakhulu, thina kuye sibona umntu ongayihlangula futhi ayihlaziye iANC yethu ebonakala ithe mome eludakeni lobuqhophololo,” utshilo umxhasi kaLindiwe Sisulu ocele ukuba angachazwa ngegama.

Kule ndibano yase-ICC uLindiwe Sisulu ebemenywe yiANC Women’s League yaseMnquma apho iinjongo ibikukumcela ukuba angenele ugqatso lobuMongameli kwiANC.

Zonke iingingqi zeANC eMpuma Koloni bezimelwe kule ndibano yase-ICC. Bekukwakho nabaxhasi beANC abebebanga ngelithi basuka eNtshona Koloni, Limpopo, Mntla Koloni, Rhawutini, Mntla Ntshon naKwaZulu Natal.

Bonke baphawule ukuba bafuna uSisulu ukuba athabathe iintambo zolawulo kwiANC, kuba uyinkokeli enika “ithemba futhi engenachaphaza kubuqhophololo.”

Ephendula, uSisulu uthe: “Ndinivile nonke nithetha, nisithi niyavuya kuba mna andikho phantsi kwesandla sosapho lakwaGupta. Ewe kunjalo. Andikho phantsi kwesandla sakwaGupta, endaweni yoko ndiphantsi kwesandla seANC.”

“Ukuba nithi mandikhokele, ndithembiseni ukuba niza kubasecaleni kwam xa sihamba le ndlela yokuvuselela iANC. Ndithembiseni ukuba niza kuba secaleni kwam, ukuze sibezizicaka ezichasene nobuqhophololo. Ukuba ke niyavuma ukwenza njalo, nam ndiyavuma ukungenelela ugqatso,” utshilo uSisulu.

Eluvuma nje olu gqatso, uSisulu sele efumene iintsikelelo kwinkosi yamaGcina uNkosi Daluxolo Jezile waseSinqumeni eNgcobo, indawo ekufuphi naseQutubeni apho ooSisulu bazalwa khona.