UNontsizi Mgqwetho imbongi yaseHewu

Incwadi enengqokelela yemibongo kaNontsizi Mgqwetho. Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

Xa ukhangela kubabhali bemibongo bale mihla, uNontsizi Mgqwetho uhamba phambili ekhokele ngokubhala uhlobo lombongo okuthiwa yindumasiso. Lo ngumbhali wemibongo yolwimi lesiXhosa ukusukela ngeminyaka yoo1920 etyekeza ingqaka ngosiba lakhe.

UMgqwetho yinzelelwane yeelali zaseHewu ngaseKomani, imibongo yakhe ayizange ilifumane ithuba lokupapashwa nokuqwalaselwa ngoku kuko.

Ngenxa yomsebenzi kaNjingalwazi uJeff Opland owathi ebhadula kwithala leencwadi wadibana nengqokelela yemibongo kaMgqwetho.

Kaloku ngexesha lokubhala kwakhe uMgqwetho, umsebenzi obhalwe okanye owenziwe ngumntu wasetyhini ubunganikwa ngqwalasela ziinkampani ezipapashayo noluntu ngokubanzi.

Emva kokuba uOpland efumene ingqokelela yemibongo kaMgqwetho unqwenele ukuba lo msebenzi uguqulelwe esiNgesini, oko kwenzeka ngoncedo lukamama uPhyllis Ntantala. UGqirha Abner Nyamende naye udlale indima ukuguqula umsebenzi kaMgqwetho ewusa esiNgesini.

Uhlobo lemibongo alubhalileyo olubizwa ngokuba yindumasiso ngumbongo othatha amaphepha amathathu ukuya kwalishumi umbongo ngamnye.

UMgqwetho ubhale imibongo ethetha ngeeKumkani zexesha lokuphila kwakhe, iiNkosi namadoda akwalizwi ngokunjalo. Ugudle ngamandla kwincwadi yeBhayibhile xa ebhala imibongo yakhe, kuyo ebonisa imbeko kuThixo odale izulu nomhlaba.

Kwimibongo yakhe unawo umbongo othetha ngeZililo zeAfrika ngokuzalana nezililo zikaYeremiya waseBhayibhileni. Ukwabhalile ngemibongo egudle ezopilitiko ethi, “Mayibuye iAfrika,” ukwanawo umbongo onika imbeko ngokubhubha kukaMfundisi uBS Mazwi neminye ke emininzi.

Okona kucace kakhulu kukuba lo mbhali waseHewu ebelithanda ilizwi likaThixo, kodwa engasukanga kwizinto ezigudle imveli yakhe. Masirhabule kumbongo wakhe ojoliswe kumanina othi, “Umanyano! Nomfela ndawonye!!”

‘Zitsho! Ngentsholo intombi ngoManyano

Awu! Safa singafunelwanga Gqirha

Kunini kodwa sigorha ukuteta

Sidiliza amawa sibeka izizathu.

Amanzi eAfrika makahlokome

Ilizwi lesizwe lilizwi likaThixo

Indlela mazihlwayelwe uManyano

Olusuka apha lume ngo Tukela.