Unopotyi wase-Afrika omilenze mithathu wokufunda

Ingaba le ndlela abantu abadala baseMzantsi Afrika ababona ngayo ukukwazi ukufunda nokubhala kwabantwana babo, iyiyo ebalibazisayo?

Abantu abadala abaninzi kwiindawo zethu, kwakunye nabo baye babangootitshala, amava wabo neenkumbulo zokufunda nokubhala esikolweni awakho mahle kangako ngenxa yendlela kwakufundiswa ngayo nokubonwa ngako ukufunda nokubhala. Uninzi lwabantu abadala baye kwizikolo ezinoovimba abangonelanga, babefundiswa ngolwimi abangaluqondiyo, babengakwazi ukufikelela kwizinto zokufundela ulonwabo ngolwimi lwabo kwaye babengabonwa njengabafundi abanamacebo nabane nto yokuthetha. Ezi mfundiso zijike zayindlela abantu abadala abahlangabezana ngayo nabantwana kweli phulo lokufunda.

Kodwa, kunganjani ukuba endaweni yokujonga ukukwazi ukufunda nokubhala njengomsetyenzana wasesikolweni, singakuqonda njengesithethe esigqithiselwa luluntu nesitshintsha izinto kuquka nazo zonke iindlela zokukwazi ukufunda nokubhala kwaye kululutho kuzo zonke iilwimi? Ukuqonda ukufunda nokubhala kumxholo wezoluntu kuxhobisa abantu abadala nabantwana ekhayeni nasekuhlaleni ngokuphawula ukuba zininzi iindlela abantwana abanokufunda ngazo ukufunda nokubhala.

Ukubhala uluhlu lwezinto ekumele zithengiwe okanye umyalezo obhaliweyo efowunini, ukufunda iphephandaba, ukubaliselana amabali, ukuthetha okanye nokucula oku, zonke ezi zinto zidibene ngamathuba okufunda nokubhala azenzekelayo ekhayeni. Nanjengokuba ekhaya kulapho abantu abadala nabantwana abadadlana behlangabezana nabo basebatsha ukuze kuthethwe, ngokubavumela bahlangabezane kwaye basebenzise ulwimi, ukufunda nokubhala kungakhuthazwa ngezi zinto zifanayo nokufumanisa ulwazi, zilulutho, zanelisayo nezinentsingiselo ebantwaneni.

Ezi zinto zenzekayo ezinye zinika abantwana ufikelelo oluthe gqolo kwimisetyenzana eyahlukileyo yokufunda nokubhala kunye nethuba lokusebenzisa ulwimi kubomi babo bamihla le, kubanceda benze ulwayamaniso oluhle nokufunda nokubhala.

Abantu abadala kunye nabanye abantu abadadlana abafundayo baba yimifuziselo emihle yokufunda okanye yokubhala, kodwa kufuneka bazi ngala mathuba okufunda nokubhala ngokuphendulana baze bawaxhamle.

Kufuneka bayixabise indima yabo njengootitshala bokuqala babantwana babo, baqonde ukuba ulwimi lwabo lunexabiso kwaye bazi ukuba ngokunika abantwana babo isiseko esomeleleyo ngolwimi lwabo lwenkobe, bazawube bebanceda bafunde ulwimi lwesibini xa betshintshela esiNgesini kwiBakala lesi-4.

Umnqweno, ngokomxholo wezokuhlala, kukuba abantu abadala, ngokwendalo, bancede abantwana babo bahlole iingcamango kwaye bafunde ulwimi. Kule nkqubo, kukho ukusebenzisana ukudala ulwazi ngokuthetha nokumamela, kwaye bengazi, abantu abadala bayabaxhasa abantwana babo ekufezekiseni amaphupha abanawo ngabo, kuze ukufundela ulonwabo kuvele nako! Uphando oluninzi lubonise ukuba xa abantwana befundela ulonwabo baqhuba ngcono esikolweni kunoogxa babo abangakwenziyo oku.

Ngale ndlela yokungeniswa ngokwentlalo kukufunda nokubhala, nenokukhangeleka njengeqhelekileyo kubantu abathetha isiNgesi nabanakho ukufikelela kuludwe lweencwadi namabali angapheliyo, abantwana bangaya esikolweni besemandleni kwaye bezithembile. Kodwa kubantwana abathetha iilwimi zeSintu, ingakumbi abo bahlala emaphandleni noomakhulu nootamkhulu babo okanye abo baziintloko kumakhaya abo, oku akuyonto iqhelekileyo kwaye le ndlela yasekuhlaleni yokuhlangabezana nokufunda nokubhala ixabiseke kakhulu.

Nje ukuba abantu abadala bebeyazi indlela abanamandla ngayo, nokuba ukuthetha nokubaliselana amabali ngolwimi lweenkobe yenye yezona ndlela zisebenzayo zokunika abantwana izixhobo abaza kuzidinga ukuze bafunde ukufunda, ukubhala, nokuhlola ihlabathi.

Kwaye, ukuba izikolo nazo ziyakuqonda ukufunda nokubhala njengesithethe sezentlalo – zisebenze kunye namakhaya neendawo zokuhlala – iziphiwo zabantwana zingavuleleka! Bonke abantu baza kusebenza kunye njengekwayara enkulu yezixhobo yokufunda nokubhala, besebenzisa ulwazi, iilwimi, izakhono kunye nenkcubeko abanayo ngaphakathi ukuze banike abantwana bethu elona thuba lingcono linokubakho ukuze bazalisekise isiphiwo sabo ebomini.

Njengonopotyi omilenze mithathu, okanye njengekwayara yomculo wezixhobo, iphulo leNal’ibali iStory Powered School lenza kanye oku: lunxibelelanisa izikolo, amakhaya kunye neendawo zokuhlala emaphandleni aKwaZulu-Natal naseMpuma Koloni kule nkqubo yokufundisa abantwana bethu ukufunda nokubhala nokubaxhobisa.

Kodwa sidinga abantu abongezelelekileyo ukuba bangenelele, ukuze sifikelele kumandla abo njengootitshala bokuqala babantwana babo nakwixabiso loovimba babo bemveli kunye neelwimi zabo zemveli. Kufuneka sidale imfuno yeencwadi ezongezelelekileyo kunye namabali ngeza lwimi kwaye sikhulule abantwana bethu ngeencwadi namabali angawethu.

*UMalusi Ntoyapi yingcali yezokufunda nokubhala eluntwini esebenzela ukhankaso lokufundela ukuzonwabisa lweNal’ibali.

Ukwazi banzi, tyelela ku-www.storypoweredschools.org okanye mobi.