UNotyesi utyityimbisela iinkokeli zeANC

Igqwetha laseMpuma Koloni uMvuzo Notyesi utyityimbisele iinkokeli zeANC umnwe esithi uzinika de kube nguMvulo ukuba zichithe isigqeba esilawula iMpuma Koloni. 
Kwincwadi ayibhalele iinkokeli zalo mbutho ngoLwesine,  uNotyesi uthi iziphumo zenkomfa yalo mbutho ebiseMonti kwimpelaveki esisuka kuyo azikho mthethweni kuba kukho amasebe alo mbutho kwingingqi yaseMhlontlo awalivinjwayo ithuba lokuba yinxalenye yenkomfa, le nkomfa zange iqhutywe ngendlela efanelekileyo njengoko kwabakho utshintsho kubathunywa kwaye ukuqhambuka kodushe ngobusuku kuthetha ukuba inkomfa kwakufanele ukuba irhoxisiwe. 
UNotyesi othi umele iqela lamalungu alo mbutho uthe uza kubuyela ezinkundleni ukuba lo mbutho awenzi ngokomyalelo awuthumeleyo. 
NgoMvulo inkundla ephakamileyo eMonti isikhabile isicelo esingxamisekileyo sikaNotyesi ngelithi amaxwebhu awafake kule nkundla akaqulunqwanga ngokufanelekileyo. 
Unobhala weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukaitobi, uthe uvile ngale ncwadi kodwa isezandleni zesigqeba esilawula iANC.  
Ukwathe: “Isikhalazo sakhe  (uNotyesi) sesi besikhatywe yinkundla, kwaye nokuba angaphinde abuyele enkundleni akasoze aphumelele.  
Iqela le ANC elayishiya phakathi inkomfa nelikhokelwe ngobengusihlalo walo mbutho kweli phondo uPhumulo Masualle, nalo  libhalele kwiinkokeli zalo mbutho lidlulisa uthotho lwezikhalazo ngendlela eyachotshelwa ngayo le nkomfa.
 Eli qela likhalaza ngamasebe athile kwiingingqi zeli phondo abe yinxalenye yenkomfa ngokungafanelekanga, abathunywa ababe yinxalenye yenkomfa ngokungekho mthethweni bekwagxeka udushe besithi bekufaneleke ukuba oku kukhokelele ekurhoxisweni kwenkomfa.
 UNgcukaitobi uthe: “Kubonakala ngathi kukho abasebenzise ubundlobongela ngenjongo yokuba kuchithwe inkomfa, nale yokuquqa ezinkundleni iyafana nobo bundlobongela kodwa ezondlela aziyi kuphumelela ekubhangiseni isigqeba seANC esonyulwe kutsha nje.” 
Ukanti ngoMvulo isigqeba seNWC yeANC kulindeleke ukuba sibambe  intlanganiso kwakunye nesigqeba esikhokele iANC kwanamalungu ebesaku khokela nafake izikhalazo.