UNqaba Bhanga unqabile kwingxaki yabahlali

Izindlu ezingamabhodlo ezisisigqubu solwaphulo-mthetho eNU 29 eMotherwell eBhayi IMIFANEKISO: Sisonke Mlamla

Sekuzizihlandlo eziliqela abahlali
bekhalaza ngezehlo ezenzeka kule ngingqi yaseMotherwell eNU 29, kwizindlu zikarhulumennte  ezingamabhodlo,  nezayekwa zingekagqitywa, nezisele zilicham
lokutyhuthulwa ngabahlali, bethatha izitena, ukanti sele ikwazizitishi
zokuhlala oonqevu noorhunta.

Kwalapha kula mabhodlo kwadlwengulwa
kwatshiswa intwazana eneminyaka eyi-14 eyaziwa njengoWendy.

Kutsha nje abahlali  bothuswe sisihelegu sokuwelwa kwamadoda
amathathu ebemana ethatha izitena kwezi zindlu ngokungekho semthethweni, enye
kula madoda egama lingu Zolani Kobisa, uwelwe zizitena kula mabhodlo wawunabela
uqaqaqa.

Uceba wale ngingqi uMorgan Tshaka, uthi
zininzi izinto ezimbi ezenzeka kwezi zindlu, kwaye kudala ecela uNqaba Bhanga
owezokuhlaliswa koluntu  enze icebo ngezi
zindlu nanjengoko wayethembise ukuzidiliza azisuse, kuba esithi iinjineli
zafumanisa ukuba umhlaba ezamiswa kuwo awulunganga.

‘’UBhanga akaphenduli kwaphela kwisicelo
sethu malunga nezi zindlu, into ayenzayo ubonakala xa kwehle izehlo ezikumila
kunje, ebeyile nakulo Wendy emva kwesithwakumbe sokubulawa kukaWendy. Into
angayenziyo kukuza necebo ngezi zindlu zingamabhodlo,’’ utshilo uTshaka

UNozuko Blou ongunobhala weANC kwaWard 54,
usinqononondise ngelithi abahlali aboyiki kuthathela amanyathelo kubo bayele
uBhanga e-ofisini , ngoba unqabe negama lakhe,
ekwabongoza ukuba lo ka Bhanga makade enze icebo ngezi zindlu ngoba baphila emngciphekweni,
zingabawela nanini na, ngoba ziyajinga.

‘’Andiziva kamnandi ngale nto yezi zindlu,
seyilichibi lokuncathama ootsotsi, kwaye nabantwana bethu badlala kuzo
zingabawela nanini, nathi singabahlali sinqumla phakathi kwazo mihla le,
ndiyacela kumasipala enze icebo ngazo,’’ utshilo uNtomboxolo Geni, ongumhlali
kufutshane kwezi zindlu.

Ukanti okaBhanga usigxekile isenzo sokubiwa
kwezi zitena ngabahlali, ekwathi kudala naye elinde impendulo  kuMphathiswa uLindiwe Sisulu malunga nezi zindlu.