Kwiziganeko zokudubulana kwabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke kummandla iKing Sabata Dalindyebo neziphaluka, kuphakamise uMphathiswa weSebe lezoThutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha ngokuthi athethane neenkokheli zemibutho yeeteksi iBorder Alliance kwakunye neMthatha Taxi Association ekubeni kuziwe nesisombululo kwaye kubekho noxolelwano.
Obekuphambili kule ndibano ikhawulezileyo nebibanjelwe eMthatha ngoMvulo kule veki, ibikukuba kungaphakamiselwana mipu kuba mininzi imiphefumlo ephumayo, koko kusetyenziswane.
Kule nyanga sele bengapha kwesihlanu (5) abaphulukene nobomi babo kudubulwano olwenzeka phakathi kwale mibutho yeeteksi.
Ababini, uMasixole Gebengu (47) kwakunye noDumisani Bango (42) badutyulwa ngethuba bekwiveni emhlopho eyayiphambi kwendawo yokulala (BnB) kwilokishi yaseSlovo Park eMthatha.
Oku kwenzeke ngomhla wesithandathu kule nyanga emva kwentsimbi yesithandathu ngorhatya.
Abanye boonoteksi ngabaseXhorha, badutyulwe kule mpela veki sisuka kuyo, abanye badutyulwa kwisiphambuka sakuTsolo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.
Ngokwengxelo ephuma kuW.O Majola Nkohli, akukabanjwa mntu kwezi ziganeko.
Amapolisa abongoza nabani na onokubanolwazi eze ngaphambili ukuze kubanjwe abenzi bobubi.
Inombolo angazitsalela zezi 08600 10111.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?