AMAPOLISA aseKaladokhwe ngoLwesihlanu akwazile ukufumana iimbumbulu zepolisa lale ndawo ebezibiwe ngokuhlwa kwangoLwesine.
Oku kuza emva kokuqhekezwa kwendlu yelipolisa ze kwathathwa isefu eneembumbulu. Ngethamsanqa umpu wepolisa ubukulo kwaye belingekho ngethuba kusenzeka oku.
Isithethi samapolisa uKapteni Stefanie Smith uthi amapolisa athe esazenzela ugqogqo abona ndoda ithile ekrokrelekayo ebiphethe ibhegi. Le ndoda ithe yakubona amapolisa yabaleka. “Amapolisa aleqe ekhondweni, ayileqa de ayifumana. Emva kokuba eyifumene, aye ayigqogqa ze afumana incwadi equlathe iinkcukacha zomsebenzi weli polisa beliqhekezelwe indlu.
“Emva kokuncwina ngemibuzo le ndoda, amapolisa aye aya kwindlu yayo ze afumana iimbumbulu nesefu ebezibiwe kwindlu kagxa wethu. Umrhanelwa lo, oneminyaka engamashumi amabini anesithoba, uye wabanjwa kwaye uzakuvela enkundleni kungekudala,” utshilo uSmith.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo