UNqevu uthi amakrwala mawabe ngamaNgesi amnyama?

Lo mbuzo ungentla ndiwubuziswa yingcaciso entsha eyaziwa nguMnu. Loyiso Nqevu yedwa ethi isifungo samadoda amaXhosa esithi, ‘Ndiyindoda’ sisuka kwisiNgesi.

UMnu. Nqevu odume ngokulwela ukubuyiswa konqulo namasiko abaNtsundu kuthiwa oku ukuthethe kwisixeko saseRhini ekuthiwa seseeNgcwele, nesidume ngokugcina amasiko nezithethe zamaNgesi.

UNqevu ucatshulwe liphephandaba I’solezwe lowama-(22-28 EyeSilimela 2017) esithi, I.N.D.O.D.A. I-Independent [ngumntu apha ekufuneka ezimele], N-Needs [ngumntu ojonge izinto eziyimfuneko kuqala], D-Dream [indoda ngumntu ophupha ehamba, qho], O-Order [kufuneka isoloko ibambe ucwangco], D-Domitable [ngumntu okhe oyiswe, ngumntu onqandekayo], A-Accountable [ngumntu okwaziyo ukutsho ukuba ebesebenza ntoni na].

Ngokwembali enyanisekileyo amaNgesi afike apha eMzantsi Afrika ngowe-1806, efika amaXhosa esolusa, emka ngowe-1961, eshiya amaXhosa esolusa. Igama elithi NDODA alinanto yokwenza nesiNgesi. NgokwasemaXhoseni igama elithi, “Ndiyindoda” sisifungo esithetha ukunyaniseka, ukuhlonipha nokomelela.

Ulwaluko amaNgesi ayengalufuni, ayesithi yintlondi yobuhedeni. Kuthiwa phakathi kwezinto awaxolela ukufa ngazo uS.E.K. Mqhayi (Imbongi Yesizwe Jikelele) lulwaluko.

Abefundisi bamaNgesi babesala ukuba amakhwenkwe afundileyo oluke, ukuze oluke wathi waziba namanye amakhwenkwe.

Ukubuya kwabo esuthwini amanye aloo makrwala wayephume nawo agxothwa esinaleni eLovedale. Namhla wabhala incwadi ngolwaluko, yalahlwa kwesinomhlwa ngabefundisi bamaNgesi ababelawula ushicilelo lwaseLovedale Press.

UMqhayi xa esibeka isono sakhe sokuziba oluke uthi, “Ndilapho nje ke imfundo sendinendawo yokuyincama. Ndiyasazi isono endisenzileyo, ukuba sikhulu nokungaxoleleki kwaso.”

Nangexesha leemfazwe zemida phakathi kwamaXhosa namaNgesi, amaXhosa ayesithi xa ebaleka imipu aye kuzifihla emahlathini, amajoni amaNgesi ayewakhwaza ewaxwaxwa ngokuba ngamadoda angamagwala oyiswa ngamakhwenkwe esithi, “Mawuphume umdoda ehlathini umkhwenkwe ufikile!” Ngowe-1925 uKumkani Velile Sandile waphoxwa ngokunyanzeleka aye kulwela amalungelo akhe kumaNgesi engumkhwetha.

Kuthe esesuthwini, kwabakho umjikelo wePrince of Wales eyayihamba ibuyisa iintonga zokulawulwa kwiikumkani zabaNtsundu.

Kwabonakala okokuba uVelile makahlanjwe nje ifutha, aye kuthabatha eyakhe intonga eMthatha, aze abuyele kwasesuthwini.

Wafika eMthatha ephahlwe ngooyisekazi namaphakathi, yathi iRhuluneli yoMzantsi Afrika, uVelile akanakunikezelwa intonga kayise eyayithinjwe ezimfazweni kwelokuphambukela, uya kuyinikezelwa eQonce.

Le ngcaciso kaNqevu ngeNDODA ibonakala ibubuvuvu obulahlekisa ulutsha ngembali yalo. Inokuba uNqevu ususwe kukuba le ntetho yakhe eyenze eRhini kweyona dolophu igcine ubutyebi benkcubeko namasiko asemaNgesini?

Okanye ke ebefuna ukuba amaNgesi amazi ukuba isiNgesi usikhupha nangeempumlo? Okanye uthe akufika kweso sixeko kuthiwa seseengcwele sinecawe yasemaNgesini wabona naye ukuba makapitilize akhumshe khon’ukuze afumane iintsikelelo zamaNgesi?

Okanye le ngcaphephe idinwe kukuba amakrwala asoloko emiswa ezitalatweni edodiswa ngokuthethiswa ulwimi lootsotsi, wabona ukuba undlela lula kukuba amakrwala awafake esiNgesini, ulwimi oluluphawu lwempucuko kwabaNtsundu?

Okanye athe amathongo akhe akufika kule dolophu yaseRhini makakhe akhumshe agqwethe ubudoda?

UNqevu makazi ukuba amaRharhabe asenesingqala nanamhlanje ngenye yeekumkani zawo angazange ayaluse ngenxa yamaNgesi awayithumela emfundweni eKapa eZonnebloem. Ithe yakubuya incedise uyise emfazweni ayibamba ayithumela kwiintolongo zaseKapa. Yabuya ilibunga elijonge ingcwaba. Aze athi amaXhosa lo mntu makangabi soluswa.