UNqevu uyazikhalimela izenzo zokuthwalwa kwamantombazana aselula

“Isithethe sokuthwala silungile xa sisenziwa ebantwini abakwikhabathiso lokuthwalwa. Kodwa xa kuhewulwa nam ndiyahewula xa abantu bexhwila abantwana besikolo nabasebalula ngokweminyaka.” Oku kudizwe yingcali kwimcimbi yezemveli kwaXhosa uLoyiso Nqevu.

Intetha yakhe ilandela emva kokuba kuthe kwathwalwa ngenkani intwazana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala kwilali yaseBaziya eMthatha, ithwalwa ngamadoda amathathu aphakathi kwamashumi amabini anesithandathu ukuya kumashumi asixhenxe ubudala. Sithetha nje lamadoda sele ejongene netyala lokuxhwila kwinkundla zamatyala aseMthatha.

UNqevu uthi: “Noomakhulu bethu kudala babethwalwa basahleli emizini yabo, kodwa kwakuthwalwa intombi evuthelwe ukwenda. Kwakurhewulwa intombi esele ihamba imitshotsho, iintlombe nesele iphume amabele kwaye kuthethwe nayo kuqala.

Kwakungafani nale minyaka sikuyo apho kuthathwa umntwana osemncinci ongekabinazimpawu zokukhula.”

Ukanti ngokwengxelo ephuma kwisithethi sooKhethse eMpuma Koloni uAnelisa Feni ithi, la madoda mathathu atshatise ngenkani le ntwazana eyitshatisela kwindoda enamashumi amabini anesithandathu ubudala angayaziyo ngaphandle kwemvume yayo.

“Kuvakala ukuba la madoda mabini angootatomkhulu kwixhoba bavumelene nobezakuba ngumyeni wexhoba ngaphandle kwexhoba ekubeni amthwale.

Emva kokuba sivile ukuba kukho into enje silandelele nalapho sifike ixhoba selisemzini lowo lendiselwe kuwo.”

Abarhanelwa bebevelile ngoMvulo kwinkundla zamatyala eMthatha nalapho baphume ngebheyile yeR500 umntu emnye.

Kulindeleke ukuba baphindele kwakhona ngomhla wesibini kweyoKwindla inyanga.

Ixhoba lithathiwe labekwa kwindawo ekhuselekileyo.