Unqunyanyisiwe umphathi wakwaKFC otyholwa ngobuhlanga!

EKAPA: UNQUNYANYISIWE emsebenzini umphathi wakwaKFC eSomerset West otyholwa ngokucalucalula emva kokubiza abaqeshwa “ngesihlaba seenkawu” (bunch of monkeys).

Umsebenzi wakwaKFC ongafunanga ukuchazwa uthe: “Waqala ukusibiza ngeli gama mhla kwafika umhloli apha evenkileni. Wasuka wanomsindo wathi ‘Andazi ukuba kutheni ndibekwe nezihlaba zeenkawu’. Sasingonwabanga kodwa sayigcina kuthi lo nto kuba wayeqala, sacinga ukuba wayebangelwa ngumsindo, ayizukuphinda yenzeke lo nto, kodwa waphinda kwakhona.”

Imanyano emele aba basebenzi iDemocratic Transport and Allied Workers Union (Detawu) ivakalise inkxalabo ngendlela amapolisa ayiphethe ngayo le meko.

Ikhuphe isibhengezo esithi: “Asiqinisekanga ukuba lo mba uthathelwa ingqalelo okanye uphethwe ngokwanelisayo ngamapolisa noKFC. Ityala lavulwa ekuqaleni kweyeSilimela kodwa umphathi usandula ukunqunyanyiswa ngoku, kwaye umcuphi ophandayo zange abuyele kuthi azokusazisa de kwakule veki iphelileyo. Omnye wabasebenzi obethetha kakhulu kule meko wathunyelwa kwenye ivenkile nto leyo ekhangeleka ngathi ngabo abenza okungalunganga.”

Isithethi seKFC eAfrika, uThabisa Mkhwanazi, uthe inkampani iyazinyhasha izenzo zocalucalulo, wathembisa ukuba baza kuthatha amanyathelo aqatha ngakulowo utyholwayo.

“Sizithathela ingqalelo ezi zityholo zocalucalulo ngokobuhlanga ezibekwa umphathi werestyu. Uza kusiwa kwiqumrhu lokoluleka izimilo nanjengoko usitsho umthetho weli malunga nezabasebenzi.

“Lo mphathi unqunyanyisiwe nanjengoko lisaphandwa eli tyala. Siza kusebenzisana nabasemagunyeni. Siluphawu lukawonkewonke elikholelwa ukuba ukuziphatha okunjalo akunandawo eluntwini,” utshilo uMkhwanazi.

Isithethi samapolisa uNoloyiso Rwexana ungqinile ukuba kuvulwe ityala lokungcoliswa kwegama.