Unqunyanyisiwe uSodolophu waseMalahleni!

USodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana

EMVA kwedabi elide elibangele uqhankqalazo oluthathe iiveki ezimbini, unqunyanyisiwe esikhundleni sakhe uSodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana. 


Ingxelo ithi oku kwenzeke logama kuza kube kuqhutywa uphando ngumbutho wakhe iANC kwizityholo zolawulo olugwenxa okuquka ukusetyenziswa gwenxa kwemali yabarhafi. 


Othethe egameni lalo Masipala, uLuthando Nqumkana,  uthi ngenene zifikile iingxelo ezinje kubo. 


“Kwintlanganiso ebi quka igqiza elisuka ephondweni, uSodolophu unqunyanyiswe isithuba seenyanga ezintathu logama kuqhutywa uphando, ezinye ke iinkcukacha uyakuzifumana kumbutho olawulayo,” uthethe watsho uNqumkana.


Ukususwa kwakhe kulandela isikhalazo sabahlali sokuba makasuke esikhundleni sokongamela lo masipala uNyukwana nanjengoko engenzi intando yabahlali, ngokutsho kwabo. 


Inkokheli yombutho wabahlali uNomaswazi Kunene ngaphambili uqinisekise ukuba oyena nobangela wokuba bavale iivenkile zonke kule dolophu isithuba seeveki ezimbini kukuba bebefuna uNyukwana aphume esikhundleni.


“Zonke ezinye ezi ziyalandela nje, eyona iphambili kukuba sifuna asuke lo mama esikhundleni, sifuna ulawulo olutsha apha kulo masipala,” watsho uKunene.


Idolophu yaseCacadu nedolophu yaseDordrecht ziqhube olona lwakhe lwalubi uqhankqalazo kwinyanga ephelileyo, nolubangele ilahleko emandla kwabezoshishino.

 

Kwincoko yakhe neli phephandaba,  uSodolophu uNyukwana wasixelela ukuba akasazi esona sizathu sokuba abahlali banyanzelise ukugxothwa kwakhe. 


“Nditsho ukuba andiyazi ukuba kutheni beqhuba uqhankqalazo, kuba sithetha nabo rhoqo ngenyanga sizama ukugcina wonke umntu enolwazi,” watsho.


Ukulibaziseka kokulungiswa kwendlela eziya ezilalini, izitalato zedolophu, umbane edolophini, ukuqesha ngondlelamnyama – zezinye zeengxaki eziphambili ngokutsho kwabahlali. 


Igqiza leANC ebe liqhuba lo msebenzi belikhokelwe nguSodolophu woMasipala wesithili saseOR Tambo,  uNomakhosazana Meth namanye amagosa aphezulu kwiANC ephondweni.


Abezoshishino, izikolo neenkonzo zempilo zibetheke ngokumandla ngenxa yoqhankqalazo oluqhutywe iiveki ezimbini kwezi dolophu. 


UAnthony Thompsons ngomnye woosomashishini abaqeshe abantu abaninzi eCacadu. 


“Sibetheke kakhulu luqhankqalazo, asikwazi nje ukuqikelela ilahleko eyenzekileyo, eCala ndibetheke iiveki ezimbini, uSpar evalile,  nalapha eCacadu kwenzeke lo nto, ” watsho uThompsons.

 

NgoLwesibini weveki ezayo kulindeleke ukuba kuqhutywe intlanganiso eza kutakisa iintlantsi neza kuba yeyokuqala ngaphandle kukaSodolophu uNomveliso Nyukwana.


UMphengululi ziNcwadi Jikelele uKimi Makwethu kwinyanga ephelileyo uchaze oomasipala abangaphezu kwamakhulu amabini beli njeàààngabasebenzisa imali yabarhafi ngendlela engathobeli imithetho yokusetyenziswa kwemali karhulumente.