Untingela eBotswana uZokwana

Umphathiswa wesebe lezolimo, ulobo namahlathi kweli uSenzeni Zokwana uzakuntingela kwelaseBotswana ukuya kuba yinxalenye yendibano ejoliswe ukulwa indlala kumazwe akumazantsi e-Afrika.

Ingxelo ithi, le ndibano izakuzinyaswa ngabaphathiswa abaphuma kumazwe akumazantsi e-Afrika. Othethe egameni lela sebe uBomikazi Molapo uthi, injongo kukunceda amazwe abantu ababhuqwa yindlala.”

Injongo ephambili yale ndibano, eqala ngoMvulo, kukusiphula neengcambu indlala ngokuza namacebo okuvelisa ukutya ngolimo ukuze iguquke impilo yabantu,” utshilo uMolapo. Kukwalindeleke ukuba kukhangelwe amacebo exesha elide okulwa iingxaki zendlala kumazwe akumazantsi e-Afrika.

Oku kuzakuvula amathuba amazwe aseAfrika ukuba akwazi ukufikelela ethatha inxaxheba kwiSustainable Development Goals eliphulo lokuphuhliso lexesha elide.

“Kuzakuqiniswa amaqhina entsebenziswano kwezolimo, iindlela zokuvelisa ukutya nezinye iindlela zokuncedisa uluntu ukulwa indlala,” uthethe watsho uMolapo.

Ezi nkokheli zizakuqwalasela iingxaki ezibangela ukuba zingahambeli phambili iinzame zokuveliswa kokutya e-Afrika.

Aba baphathiswa kulindeleke ukuba bamnkelwe ngokusesikweni ngumongameli welizwe laseBotswana * -Ian Khama, kwaye zizakudibanela eGaborone International Convention Centre.

Amazwe akumazantsi eAfrika ahleli kumashumi amathathu anesithathu eepesenti abantu abangondlekanga ukusukela ngeminyaka yoo1970.

Ukuqongophala kokutya kusengoyena nobangela wokubhubha kwabantwana kuninzi lamazwe ase-Afrika.

Le ngxelo ithi iimeko zokutshintsha tshintsha kwemozulu zinika ingxaki kumalinge okuvelisa ukutya kumazwe asemazantsi eAfrika.

Ukunqongophala kwemvula nobushushu obugqithisileyo kubangela ukuba izityalo zingakwazi kuthwala isivuno esilindelekileyo.

Ulimo loMzantsi Afrika lubetheke ngamandla ngenxa yembalelwano yonyaka ophelileyo, kwaye oku kwenze ukuba urhulumente enze amacebo okuncedisa abalimi abasaqalayo ukubakhuthaza ekuveliseni ukutya.