Untingela phezulu uRani

Uwongwe ngembasa ezakumvulela iingcango kwiYunivesithi yaseHarvard uLuvuyo Rani oyinzalelwane yaseKomani nokwangumnikazi wenkampani iSilulo Ulutho Technologies.

URani uqale iinzame zakhe kwezoshishino kwiminyaka elishumi egqithileyo ngokuthengisa iikhompyutha emva kokushiya umsebenzi wakhe wokuba ngumfundisi ntsapho.

Lo kaRani utyunjwe njengomnye wabantu abalishumi elinesibini abathe bafumana imbasa 2016 Socail Enterprenuirship ngumbutho iSchwarb Foundation. Kwingxelo yakhe ebhaliweyo uRani uvakalisa uchulumanco ngenxa yokutyunjwa kwakhe kweli wonga.

“Kuyavuyisa ukuqatshelwa ngolu hlobo, iSchwarb Foundation yenza umsebenzi omhle kakhulu ukukhuthaza oosomashishini basekuhlaleni ehlabathini, oku kuzakusinika iqonga elibalulekileyo singu- Silulo,” ucacise watsho uRani.

URani uthi uneenjongo zokunabisa iimpiko zakhe aphumele ngaphandle koMzantsi Afrika ngenxa yala mathuba bawafumanayo.

“Eli wonga lisinika ithuba lokuba sinabe ngamandla, sihleli sinesicwangciso sokuba kwiminyaka emithathu sivule kumazwe akumazantsi e-Afrika, lindinika ithuba lokuba ndizimase zonke iinkomfa nengxoxo zeWorld Economic Forum kulo nyaka ka 2016, ukuze kunyaka ozayo u2017 ndiyekufumana uqeqesho kwiyinuvesithi yaseHarvard,” utshilo uRani.

Abo baphumelele kwezi mbasa batyunjwe ngobuchule obubodwa yibhodi elawulayo yakwaSchwarb Foundation. URani ukwilizwe lwaseRwanda ezimase inkomfa yeWorld Economic Forum ebanjelwe kwela lizwe.

Kwishishini lakhe lokuqeqesha abantu kwizifundo zekhompyutha nokunceda kunxibelelwano unamasebe akumashumi amathathu anesithathu.

Lo kaRani usebenzisana neenkampani ezifana neTsiba, Microsoft kunye neVodacom. Ingxelo ekhutshwe yiWorld Economic Forum ithi uninzi leenkampani ezithe zafumana ezi mbasa zixhobisa abantu ngolwazi leekhompyutha kwiindawo zihlelelekileyo zehlabathi, lo gama bekwavula amathuba engqesho.

Kweli loMzantsi Afrika nguRani kunye nenkampani iTracey Chambers of Clothing Bank. Le nkampani yenza umahluko kwiimpilo zabantu beli lizwe.

Othethe egameni lale nkampani * -Olwethu Mlanzeli uthi. “Baqikelelwa kwikhulu namashumi amahlanu abantu abasebenza kule nkampani, kwaye sinezicwangciso zokunabela nakwamanye amaphondo elizwe loMzantsi Afrika, okwangoku sisebenza eMpuma Koloni naseNtshona Koloni,” utsho uMlanzeli.