UCwayita Nondula ngumhleli wephephandaba Isolezwe lesiXhosa kwakunye neEntsimini yezolimo, nothe gqolo ukunyukela ngentla njengonondaba osakhulayo.
Kunyaka ophelileyo uNondula ufumene imbasa yabatsha kwezendaba ebangele ukuba kulo nyaka enjenjeya ukuya eHelsinki eFinlan.
UNondula uxhamla kwiinkqubo zentsebenziswano zenkampani i-Independent Newspaper kunye neAfrica Community Media, eziqhogene nompondozihlanjiwe kwihlabathi.
”Ndiya kugudlana amagxalaba nompondozihlanjiwe kwezendaba kwihlabathi eHelsinki, eFinland, oku kuhambelana nokufumana kwam imbasa kunyaka ophelileyo njengomnye wabantu ababudala bungaphantsi kwamashumi amathathu eminyaka,” kucacisa uNondula.
UNondula lo ungene eze kuqeqesho lokuqheliswa umsebenzi wokubhala iindaba kwiSolezwe, nekuthe kanye ngeloxesha wazibonakalisa ukunxanelwa ukufunda encediswa bubuncinci bakhe.
”Le nkqubo iza kuqhubeka ukusukela ngomhala wamashumi amabini anesithathu ukuya kumashumi amabini anesixhenxe kule nyanga,” kutsho uNondula.
Ukuxhapha ulwazi kumathuba avelayo kwabo basaqalayo ukubhala iindaba sesona sixhobo siphambili.
“Le nkqubo siya kuyo phaya inemilenze emibini, kuza kubakho inkomfa ezakuxoxa banzi ngeendaba kule mihla, kuze kubekho inkqubo yokutyelela amaziko eendaba aphambili kwela lizwe,” utsho uNondula.
Ilizwe loMzantsi Afrika nehlabathi lihambela phezulu ngelizama ukuba yinxalenye yehlabathi eliguqukayo phantsi kwenkqubo yobuxhakaxhaka be-4th Industrial Revolution.
“Le nkqubo kulindeleke ukuba incedise ukundikhulisa njengonondaba osakhulayo kumsebenzi wam wokubhala iindaba,” kutsho uNondula.
Uthi kukwakho ithuba lokuba bafundisane ngendlela ekusetyenzwa ngayo ngamanye amajelo endaba kwihlabathi.
“Kulindeleke ukuba sityelele amaziko eendaba ahlukeneyo kwela lizwe, iinjongo ikukuba omnye afunde komnye,” utsho uNondula.
Iphephandaba Isolezwe liza kuba libhiyozela iminyaka elishumi lixhobisa abantu ngolwazi, ulonwabo nokukhulisa ulwimi lesiXhosa kunyaka ozayo. Ngaphandle kwemiceli mngeni emincinci, eli phephandaba lithe gqolo ukuba ngungqa phambili wendaba zesiXhosa eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’