UNtsikana ongcwele, isithunywa sikaThixo

Ngokwemvelo uNtsikana nguMcirha uzalwa nguGabha. UGabha ube nesithembu abafazi ababini, uNoyiki noNonabe.

UNoyiki ube ngumfazi omkhulu akabanga naye umntwana. UNonabe ube naye umntwana ogama lakhe linguNtsikana. UNoyiki noNonabe bebengevani bobabini.

Uthe akukhulelwa uNonabe, uGabha unyana kaTana wamcela ukuba aye eZingqayi kokwabo de kufike umhla wokuba akhululeke.

UNtsikana uzalelwe kulonina eZingqayi, kuba uGabha wayesithi uNonabe akazokuphatheka kakuhle nguNoyiki.

Umzukulwana kaTana, uNtsikana, uthe akuthi dlundlu ukukhula, uNonabe wabuya weza emzini wakhe kwaNgqika.

Uthe akungena kumasango akwaGabha, wambonga unyana wakhe uNtsikana. Esithi Ntsikana nyana wam nantsi inkabi yenkomo endikuphawulela yona egama linguHulushe. Mlesi weli phepha lethu I’solezwe, ndicela sinyamezele ukufunda lo mhlathi ndisaya kuvutho ndaba ngoNtsikana. Apha kweli phepha ndithetha ngoNtsikana uMprofeti wakwaXhosa.

UNtsikana ube nabafazi ababini, uNontsonta umfazi omkhulu uMamQocwa ongumama kaKobe, omncinci uMamJwarha ongumama kaDukwana.

Eli gama lithi uMprofeti lithetha okanye lichaza umntu othetha izinto ezizakwenzeka kwixesha elizayo. Lo mfo kaGabha ebe ngumntu nje ofanayo nomntu wonke. Ebesambatha ingubo yomnweba, efanelwa kakhulu yiyo.

UVUTHONDABA NGONTSIKANA Umzi kaNtsikana useNgqushwa eHlosini kwilali yakwaMaqhosha. Kulapho ahlangene nobizo lukaThixo khona, phezu komlambo iGqorha.

UNtsikana uvuke kusasa waya ebuhlanti, apho afike wema esangweni iingalo zakhe wazithi tyuu emivalweni. Xa ephakamisa amehlo ejonga kuHulushe inkabi yakhe yenkomo ubona uMnyela. Abize inkwenkwe ebinikela amankonyana egama layo nguNgcongolo, athi kuyo “Ngcongolo uyayibona le nto ndiyibonayo,” impendulo ithe hayi andiyiboni.

Uthe uNtsikana ufanele ungayiboni uThixo akathethi nawe, uthetha nam. UNtsikana usuke waya kungena endlwini, ucele usapho lwakhe ukuba balungise baye emdudweni kwaHlahla.

Apha ke mlesi sithetha ngenkxentsi xa sithetha ngoNtsikana. Uthe akungena emdudweni etyityimba umfo kaGabha, ombethe ingubo yakhe yomnweba. Zambongoza iimvumi zoomama ziyiyizela zisithi “yangena into kaNokhonongo imaz’egush’ibele ithe ukunyuka ingoma, kanti lo kaGhabha sele ewile.

Uthe akuvuka wema ngenyawo, xa ziphinda okwesibini ukombela, waphinda wavukwa ngumoya wawa okwesibini. Kuthe kwisihlandlo sesithathu wamisa uNtsikana, ithe yakuzola indlu, kwathi cwaka indlu yonke yajonga kuNtsikana.

UNtsikana uthethe wenjenje: “Le nto indingeneyo ithi mandithethe, ithi makuthandazwe, kwixesha elizayo kukho iintlanga ezizayo ezivela entshonalanga zineenwele eziyephu-yephu ngathi bubulembu bombona. Uthi ziphethe izinto ezintathu:

1. Isiselo esigezisayo 2. Iqhosha elingena ntunja 3. Umqulu omnyama onomqolo obomvu.

UNtsikana uyalele okokuba maze kuthathwe umqulu omnyama onomqolo obomvu. Uthe ezi zimbini zezingathathwa, ukuba sithe sazithatha sakuphalala njengamanzi.

Ucele indoda ibenye ize namanzi ngengqayi. Ithe yakuza nawo wathi mayiwagalele phantsi, iwagalele phantsi, uthe uNtsikana mayiwabuthe. Impendulo yathi ayatshona, wathi umfo kaGabha isizwe esimnyama sakuphalala njengamanzi. Uthe uhlanga lwesibini luvela ngaseMpumalanga ngamaMfengu. Ngeli xesha uNtsikana athethayo yayilixesha likaNxele igogo lakwaNdlambe, uNtsikana nguMprofeti.

UThixo ubonakele kwisizwe esimnyama sakwaXhosa ngoNtsikana. Unkosi uNgqika uthe akuva ngentshumayelo kaNtsikana, wathuma uZaze Soga ayokuphula-phula oku kuthethwa nguNtsikana, suka umfo waseMaJwarheni wabuya elikholwa likaNtsikana. Izinto ebezithethile uNtsikana zenzekile kwaye ziye zisenzeka nangoku. Mlesi, eli thuba kum ndilifumeneyo lifutshane, bendifuna khe ndinabe ngobuProfeti bukaNtsikana, de ndiyokufika apho alele khona nenkabi yakhe yenkomo uHulushe. UMprofeti uNtsikana uyolele kubawo uSoga phambi kokuba alishiye eli phakade.

Ndiseza kuxelela, utheni ngomyolelo uNtsikana uMprofeti wethu thina maXhosa , ufikelwe ngumoya kaThixo ngonyaka ka1815, esemdudweni kwaHlahla. UMprofeti uNtsikana izinto ebezibona ngokomoya. Baye befika abefundisi bokuqala abamhlophe, banqwenela ukuba bamphehlelele uNtsikana, bevela phesheya, akavumanga.

Uthe oku akuko kumonele. Ngonyaka ka1821, uye walishiya eliphakade, emva kokuyolela kwakhe kulo kaJotela.

Mlesi weli phepha lethu I’solezwe makhe ndiphumze nje isandla sam kuba sidiniwe kukubhala kodwa mandikuthembise ndiyafumaneka xa undifuna.