UNtsikana Wayengeloxoki!

Ndithunukwe likanqaku likaMnu. Monde Ciko, I’solezwe 6 eYeKhala 2017 elisihloko sithi NANGOKU UNTSIKANA WAYENGUMNGCATSHI WEXOKI. Kwelo nqaku lo kaCiko ubangula izinto ezimbini ezizezi:

– uNtsikana wayengengomprofeti kuba esiNtwini akukho gama lithi uMprofeti.

– inkolo kaNtu yiNkolo yoluntu olumnyama lonke nokwahluka kwayo kwezinye iinkolo.

Inyaniso kukuba kweli nqaku lixelwayo andibonanga nto ibingade ibange ukuba ubani abelugcwabevu ngumsindo.

Makhe ndilume kancinane kule nto yeNkolo kaNtu neNkolo yobuKristu. Izizwe ke zikaNtu zifumaneka ngokukhulu kwelilizwekazi laseAfika. Akukho nesuntswana lenyaniso kwintetho ethi thina baNtu/Midaka/maAfrika, sidibene nenkolo yeBhayibhile okanye inkolo yobuKristu ngokusuke kufike izizwe ezibelungu kweliZwekazi, ndiyakhuza kenam ngelithi, esiNtwini xa ubani efuna ukwenza intetho eyimbali engeyonyani kodwa efundisayo kufuneka ayandulele ngamazwi athi, “kwathi ke kaloku ngantsomi.” Bazawuphuma iimpondo abantu abasathi ubuKristu sazane nabo ngokusuke kufike abelungu, nanzi izizathu zoba nditsho:

– Umntu wokuqala ukubhala iincwadi zeBhayibhile yindoda ekuthiwa nguMosisi engumHebhere okulele eYiphutha apha eAfrika. Lo Mosisi wayezeke inkosikazi engumTopiyakazi (Numeri 12:1) le Nkosikazi enguMtopiyakazi yayivuthwe dubhu enkolweni kangangoba yayisazi nokwalusa amakhwenkwe (Eksodosi 4:24-26).

Eqalisa nje ukubhala uMosisi utshate nomntu omnyama, asibatshanga kwiBhayibhile, asingobasengi kwaThixo yhini le! Kwakukudala ngoko, nyandla, ngonoquku, mfamlibe.

– Ikumkanikazi yaseShebha yeza kuSolomoni izokumvavanya ngobulumnko ekwakuthwa unabo, wayibetha ikoro nembambo zengqondo uSolomoni yagoba uphondo yazukisa uThixo kaSolomoni (1iZikumnkani 9)

– Okwesibini, ngonyaka ka31 AD, kancinane nje emva kokunyuka kweNkosi uYesu, sidibana nebali lendoda eyayinguMphathiswa weZemali eTopiya ivela enkonzweni eJerusalem, ifunda incwadi kaIsay 53 (Izenzo 8: 26-40). Kusekuhleni uba lomdaka wawufunde wayityekeza kuba naku ngo31AD wawufunda incwadi ebhalwe ngesiHebhere unguMtopiya, weena! Ngeloxesha izizwe ezibelungu eYurophi azazi nowathwethwa ngeBhayibhile nobuKristu nto leyo efike kubo sekulithuba amaAfrika ekhelelela kuyo.

Unyanise nqo uMnu. Ciko xa athi akudingeki ukuba ubani abenguNjingalwazi okanye uGqirhalwazi kwezembali ukuze akwazi ukuhlalutya imbali engoNtsikana kaGabha.

Le Nkolo kaNtu ekucaba wonke umntu ufuna ukuzenza umqhagi ontsibantsiba ngayo, phofu ezihombisa ngeentsiba zezinye iintaka ayifiki bumini; indala, yandulela ihlabathi, umoya, amanzi njalo njalo, kuba xa kuthethwa ngoThixo onguMdali eBhayibhileni, ithi “Ekuqalekeni uThixo” ngamanye amazwi kwakukhe kwakho ithuba ekwakungekho xesha njengoba silazi, waze uThixo walidala oko kukuthi xa kwakuqala ukuqala wakuqala uThixo ekuqalekeni. Le Nkolo kaNtu yayicocekile inyulu kunjalonje yayidlala indima yayo njengesithunzi esasingumhlahlandlela weNkolo yobuKristu kanye njengeNkolo yobuJuda, zombini ezoNkolo zaphelelwa lixesha.

Makendihambele phambili ndihlomla kwinto ethi “esintwini asinayo into/umntu ekuthiwa ngumprofeti, kwagama eli lelemboleko”, nqo ke. Kodwa sinaye Umthunywa. Umthunywa lo udaba ulufumana ngemibono, amaphupha nemifuziselo.

Le mbali ayixelayo lo kaCiko ngoNtsikana ayichanekanga konke. Make ndiphambuke kancinane kule ndawo ukuqala ndenze amabalengwe ngam kuba ndikwiphulo lokubhala imbali ehlaziyiweyo ngoNtsikana kaGabha. NdingumMbo, wakuQoboqobo, kwilali yakuZingcuka, eJojweni phantsi kwentaba yeBhukazana, ontetho isiSiXhosa. Loo mmandla ukwiphondo laseMpuma Kapa elibukhulu balo limiwe sisizwe samaXhosa kwakunye nentlaninge yezinye izizwe esizintetho yazo ubukhulu seyabasisiXhosa.

Ndizalelwe kwinkcubeko yesiXhosa ndakhuliswa ngayo, ndakhulela kuyo.

UNtsikana lo ombali yakhe ibhalwa ngokutsha kule ncwadi ndiyibhalayo wayengumntu ongumXhosa xho ozalelwe wakhulela kwingigqi endiphile kuyo, emihlaba yonke ake wanyathela kuyo nam nditsho ngobuganga ndithi, ndiyinyathele, ndiyayinthela unakaloku.

Isizathu sokuba ndinike le ngcaciso ngam kukuba imbali nayiphina ebhaliweyo ibhalwa ngefuthe lobomi neenjongo zalowo uyibhalayo.

Imbali yabaNtu yabaliswa yabhalwa ngabantu abangabeLungu abeza apha ngokuzingela, bayibalisa beyibukele mgama bakugqiba bayakuyibeka kumathala amaziko emfundo ephakamileyo.

Ilishwa kukuba uMnu Ciko nabanye abaninzi bawele kwisabatha sokukholwa loombali yabelungu abathi uNtsikana wangcatsha, wathengisa ngesizwe sakokwabo.

Nabani na othi angayicima imbali kaNtsikana kaGabha, uyawaluba, uthetha emumathe inyosi. Kwelilithi isazawudandalaziswa inyaniso ngalo mba mandithi, amade ngawetyala, “uyaphel’umkhonto wegwala kukulolwa”.

UNtsikana qho ethetha wayesithi “ithi into endingeneyo”. Kuzawufuneka kukhe kucaciswe ke ngomnye umzuzu uba yintoni le yayinge kuNtsikana kaGabha; le yayimthuma ukuba athethe izinto ezingakholelekiyo kwabanye.

Abantu ayeprofeta ngabo uNtsikana ziintlanga zimbini; zombini zazingekafiki kweli laMaRharhabe ngeloxesha. Xa wayethetha ngabeLungu uNtsikana wathi baphethe umqulu, iqhosha elingenantunja kunye nemvaba enamanzi abilayo.