‘UNUZ Queen ube idimoni lam!’

UDJ Ed Harris waseMakhaya eKhayelitsha, nogama lakhe lokwenene linguMasixole Matshaya

Kapa:

‘Laze lavuka idimoni lam!’ yingoma yeGqom edidiyelwe nguDJ Ed Harris waseMakhaya eKhayelitsha. Igama lakhe lokwenene nguMasixole Matshaya onamashumi amabini anesine eminyaka (24) ubudala.

Le ngoma yaveliswa nguEd Harris ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyoKwindla kulo uphezulu kweli leKapa.

Le ngoma ibe yindumasi kweli loMzantsi Afrika emva kokuculwa nguNUZ Queen nodiza ukuba le ngoma yaveliswa nguye.

UNUZ Queen, 22, uphuma eMlazi eThekwini. Kungokunje le ngoma isematheni abavelisi bayo baseKapa batyhola ukuba uNUZ Queen uyibile kuba iqale ukugqama kuye kwiveki yokuqala kweyeThupha kulo nyaka.

“Ngamanye amaxesha kuyenzeka ukuba iimvumi zibe iimbono zabanye abantu ingakumbi kumculo weHouse,” utshilo uBusiswa Gqulu enye yeemvumi ezidumileyo kumculo weGqom kweli loMzantsi Afrika.

UBusiswa uthi zange ayibone nasentlombeni apho imvumi ithatha ngobusela ingoma yomntu ngobunjalo bayo ze iyishicilele ngokunokwayo, emva koko itshile ngayo eqongeni iyenza eyayo.

“Ndikholelwa ukuba uNUZ Queen uyibile le ngoma kuba eyibone yenze indumasi kumaqonga afana noYouTube nasezitalatweni,” utshilo uBusiswa.

Udize ukuba abalandeli beGqom bangamageza ukuyithanda le ngoma, yile nto uNUZ Queen eqonde ukuba makayibe phambi kokuba abavelisi bayo bayikhuphe ngokusesikweni.

“Amagama, isingqi kwanobude bexesha bufana twatse nengoma kaDJ Ed Harris ethi “Laze lavuka idimoni lam!” utshilo uThembelani Ginini ongumanejala kaEd Harris.

Uthi le ngoma iquka kuyo iSdudla Somdantso noPearl abaculayo kule ngoma.

Uthi ngethuba le ngoma idlala okokuqala, uluntu zange lukwazi ukuzibamba kuba ibidlala phantse kuzo zonke iindawo zomjuxuzo.

Uthi le ngoma ibhaliswe ngokusemthethweni kwaSAMRO phambi kokuba iphumele ngaphandle, yayivela phantsi kwegama likaEd Harris.

UGinini uthi uNUZ Queen wafuna ukuba kufakwe yena kushicilelo lweVideo kususwe iSdudla Somdantso noPearl, uthi apho abazange bavumelane ngelithi le ngoma uyibile kwasekuqaleni.

“Sizame ngandlela zonke de sathetha noPastor woMhlobo Wenene FM ukuba angenelele, nowafowunela uNUZ Queen embuza malunga nale ngoma” utshilo okaGinini.

Uthi lo mnxeba bawushicilela kuba babezama ukuphanda ubunyani ngale ngoma.

UPastor ngethuba etsala umnxeba wazenza umntu ofuna ukuba uNUZ Queen atshile kwiqonga elithile nalapho bambiza ama-R65000 ukuba uNUZ Queen acule nje kuphela kwaneR7500 yokuhlawulela uhambo ngenqwelomoya.

Uthi kulapho uPatsor wabuza ukuba kutheni bebiza imali engaka ngengoma ekutyholwa ukuba bayibile.

UGinini uthi emva koko waqhawuka umnxeba, xa bezama ukufowuna kwakhona akwabikho bani uphakamisa ucingo.

“Sizamile ukuthetha naye uNUZ Queen nosuke wayeka nje esithubeni ukuthetha nathi, maxawambi angasiphenduli, kungoku nje lo mba siwudlulisele kumagqwetha ethu,” utshilo uGinini.

Lo mba wale ngoma kudala ushukuxwa kwikhasi leTwitter nekude kwangenelela nezinye iimvumi ezifana noBusiswa, kungoku nje bazamela ukuba naye abekhona kule ngoma xa baza kube besenza ushicilelo lweVideo.

Esitsho kananjalo ukuba luninzi lweemvumi ezifuna ukuba yinxalenye yale ngoma, nalapho abalule khona uDJ Cleo nabanye.

UBusiswa uthi iimvumi ezinjengoNUZ Queen akunakulunga ukuba ziyekwe zizenzele unothanda wobusela kwiingoma zabanye abantu.

Ukanti uBusiswa uthi unethemba lokuba kwakwenziwa ubulungisa ngakuDJ Ed Harris noSdudla Somdantso malunga nengoma yabo.