UNxuba mnye, liMpondomse!

Ukushiya kwam elokuzalwa ndithatha itorho kundidibanise nezinto ezandenza ndaphakamisa iintshiya.

Enye yezo nto kukuva abantu bewahlula amaRhudulu, bengawacakaci nje ngokwezindlu koko bewenza abantu abohlukileyo. Kuthiwa kukho ooSkhomo nooNjuza nooNabe nooGaduka nooNgcengane, kuthiwa bahlukile omnye komnye! Okunye endidibene nako kukuvutywa kwezindlu zaMaMpondomse, kuvutywa uDosini noJola noNxuba.

Uninzi lwabantu endibafumene besenjenje ibingengobantu baseMaMpondomseni, nangani bekukho kwakubo aMaMpondomse. Ndiyifumene ininzi kakhulu ke le ngxubakaxaka kubantu bala mimandla yoomaLedifleyi ukuya kuma ngeBhayi.

Inzala yomfazi wesibini, kwabahlanu bakaWarhosi kaTshongolo, ephaya kula mmandla woomaBhofolo naseBhayi ichaneke kakhulu yile meko; banguDosini banguJola banguNxuba.

Ewe, ngabantwana bakaMpondomse aba, kodwa bande bababaninzi de babaziziduko ezimlibo ulandwa ngokwahlukileyo esinye kwesinye. Andifi kukubizwa ngoJola, kodwa makwazeke ukuba umlando wam ukuNxuba.

Konke ke oku yimiphumela yokufuduka kwabantu. Umntu kwindawo afudukela kuyo ufika athethe ngokwabantu baloo ndawo, enze ngokwenza kwabo. Namasiko amakhaya alahleka kwangolu hlobo.

Le ndlu katatomkhulu Warhosi ndiyibalulayo yemka apha eMaMpondomseni nonina uMaTshawe, yaya kuzinza kuleyo Bhofolo, inzala yayo yaya kuma ngeBhayi.

Ingabo bantu baseBhayi ke ngoku, benza ngokwenza kwabantu baseBhayi. Xa sisingisa kubo sithi “le genge iseBhayi.” Sakufika ke phakathi kwabo, njengeenkosi zabo, sifika sibhukuqe into eninzi eyinqambi ekwenzeni kwabo.

Apho ndihambele khona kukumba wokulahleka kwembali yamakhaya nezizwe. Umntu othi uSkhomo wahlukile kuNgcengane okanye kuNjuza okanye kuNabe ndimcela umngeni. Ndithi makandilandisele ngokwahluka oko ukuba kundawoni na ingabantwana bakaMpondomse nje aba. Ukwenza kwabo nesiko labo linye!

Umntu owahlula aba bantu singaxoxa ngcono xa athi omnye kubo yiMfengu, okanye nokuba usesiphi na isizwe; amahlule ke ngokucacileyo, ukusuka elunweleni ukuya eluzitsheni lozwane. Ukuba ubani uthi bangumntwana kaMpondomse aba, okanti uyabahlula, makachithe udliwe!

Ukwahlulwa kwabantwana bakamawokhulu kundiphatha kakubi. Kundihlupha mpela ke apha ezincwadini zeziduko. Into ebhalwe encwadini ingunaphakade, nto leyo ethetha ukuba ulahlekiso olukwiincwadi ezahlula amaRhudulu lulahlekiso olungunaphakade.

Babulewe abantwana bakaMpondomse, baziselwa amanyala ngesithebe; apho athi ozibiza ngokuba unguNjuza azeke ozibiza uNabe, ozibiza uGaduka azeke ozibiza uNgcengane.

Ngumbulo ke ukubizwa kwayo into enjalo. Ozeka udadewabo nowendela kumnakwabo ngabantu bamanyala, bafanelwe kukuntunyekwa nephempe bangabuye babekho esizweni.

Andilibalanga ke ukuba ngokuzisa lo mcimbi esidlangalaleni ndihlazisa umzi. Ewe, ndiyawuhlazisa lo mzi kamawokhulu, kuba ulihlazo ngokwenjenje.

Enokuba oku kuwuzele njani na, kulihlazo. Ukuquma ihlazo ke asikokulifihla, kukuba ubani enze kuhle ukuze ligxothwe liphele emasangweni omzi.

Owahlulayo ke amaNxuba ndithi makandilandisele, hleze kuthi kanti ndixhapha amagwebu nje, ndixambula, ndiwuphosile umhlola. Ndithi kumcaluli makachwethele bucala abanye baba apha ebuMpondomseni, abalande kweso sizwe athi basiso.

Ukuba bonke ooNxuba ngaMaMpondomse, akusayi kubakho kwahluka kubo. Akukho mntu waka wazala ntlanga zimbini sendeni linye; ngabantwana bakaMpondomse aba!

Ndiyazi ukuba luyakhula usapho lomntu, oonyana bande kakhulu de babe zizizwe, kodwa umnombo wabo uhlala ulandwa de uyofika kuyise wabo bonke.

Umzekelo, uSirayeli, isizwe esikhulu kakhulu sasezimbalini zobuThixo, sisizwe esenziwa ngoonyana bakaYakobi abalishumi elinambini.

UYakobi unomntakwabo uEsawu, bazalwa nguyise uIsake. Make ndilandelwe nangokwahluka kooNxuba aba ke zitshaba, njengoko kulandwa uSirayeli. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba