USAPHO lomsasazi ongasekhoyo woMhlobo Wenene FM, uLoyiso ‘Lloyd’ Sitsheke, luphalaze imbilini yalo ngento oluyichaze njengo “nxunguphalo lwesibini” emva kokulibaziseka kokuhlawulwa kweinshorensi egameni lalo msasazi.
USitsheke, obesasaza ezemidlalo kuMhlobo Wenene, ekwasebenza nakwigumbi leendaba zesiXhosa kwiSABC 1, ubhubhe ngomhla wamashumi amabini anesithoba kuTshazimpuzi, ze wangcwatywa ngomhla wesithoba kuCanzibe.
Usapho lwakhe luthi ngomhla wesine kuCanzibe lwafaka ibango kwaOld Mutual, kodwa lwabona zidlula iiyure ezingamashumi amane anesibhozo (48 hours) kungahlawulwanga.
I’solezwe lesiXhosa lihletyelwe ngumhlobo osenyongweni kaSitsheke ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuCanzibe ukuba luyasokola ukufumana imali kwi-inshorensi usapho lwalo msasazi.
“Salenza ibango ngomhla wesine kuCanzibe, bathi bafuna imityikityo emibini (signature) kwakunye nembali yakhe ngokwezempilo koogqirha ababini, zonke ezonto sazenza qha sabona kuthe cwaka.
“Bakhe babuza nokuba siyayazi na ukuba uMnu. Sitsheke ebengahlali eMthatha koko ebephangela eRhawutini. Bendingayazi eyokuba loo mibuzo ingena phi na kwibango,” kuchaza inkosikazi yalo msasazi, uZine Sitsheke.
“Ewe, babewuthumele umyalezo othi basebenza phezu kwalo ibango, kodwa ndibone kudlula iiyure ezingamashumi amane anesibhozo kungekho kwanto eqhubekayo. Xa ndizama ukuqonda ukuba kwenzeka ntoni, bathumela imeyili efuna imityikityo kwakunye nolunye uxwebhu ebebefuna lugcwaliswe ngugqirha, sakwenza oko, kodwa kwaphinda kwathi cwaka,” kutsho uZine.
UZine uthi oku kubangele unxunguphalo kusapho kuba kunyanzeleke ukuba baboleke imali ngokwamalungiselelo omngcwabo.
“Ishiye unxunguphalo olungathethekiyo kuthi lo nto,” utshilo uZine.
NgoLwesibini wale veki, I’solezwe lesiXhosa libhalele kwaOld Mutual, yabuya impendulo izolo kusasa isithi ibango lide labe kanti liyahlawulwa.
Isithethi sakwaOld Mutual, uTabby Tsengiwe uthe: “UOld Mutual unolwazi ngesikhalazo malunga nebango esiphakanyiswe nguNksk. Jezile-Sitsheke. Singakungqina okokuba eli bango lisemthethweni kwaye intlawulo (ide) yenziwa.”
Le nkampani ithi ngokuyinxalenye nokukhusela ubuqhetseba ngakubantu bayo, iye iqinisekise ukuba abo bafaka amabango banika ingxelo echanekileyo neyaneleyo phambi kokuba liphicothwe ibango.
“Siyazisola ngolu libaziseko, uOld Mutual usazinikele ekuhlawuleni amabango zingaphelanga iiyure ezingamashumi amane anesibhozo. Ngokweli bango, kuye kwakho ulibaziseko ngenxa yohlolo obelufuneka,” utshilo uTsengiwe.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!