Unxunguphalo oludalwa kukudendwa kwabasebenzi basemgodini

IZIPHUMO ezidalwa lunxunguphalo lokungazinzi kwishishini lemigodi nesinyithi lulwamvila oluseza kuvakala ngamandla kwiintsapho ezichaphazelekayo kule minyaka mibalwa izayo.

Le ngxubakaxaka yeshishini lemigodi iyachazwa ngoosoqoqosho, kodwa apho kunzima khona kukwiintsapho nabasebenzi abachaphazelekayo ludendo emisebenzini.

Le ngxaki ichaphazela uluntu oluninzi ingakumbi eThabazimbi (Limpopo), Burgersfort (Limpopo), Witbank nakweminye imimmandla equka iMpuma Koloni. Abantu kwezi ndawo bahamba benoloyiko ngekamva labo.

“Ukungabinamsebenzi nokusokola yinto enzima. Akusekho luxolo kwimizi yethu kuba asiboni ngasonye nabafazi. Kubonakala ngathi akekho umntu onokusinceda,” kutsho obesakuba ngumsebenzi wasemgodini eDilokong Chrome Mine eBurgersfort, nongavumanga kuchazwa.

Le ndoda ithi enye yezinto ezenza kubenzima, yimeko yokusuka kwimpangelo ukuya kuxhomekeka kwimali yenkamnkam kamama wakhe.

UGilbert Mashego, owayengumsebenzi mgodini kodwa ngoku esebenza njengomnini wendawo yokuhlamba iimoto (carwash), uthe: “Kudala ndifuna umsebenzi kuba ndiyazi ukuba ndinoxanduva lokubeka ukutya etafile kusapho lwam, kodwa andizange ndifumane umsebenzi. Yiyo le nto ndagqiba kwelokuba ndivule indawo yokuhlamba iimoto.”

Imigodi eliqela kwiphondo laseMntla Ntshona, eLimpopo, eFreyistata naseRhawutini ithe gqolo ukukhala ngelithi akululanga ukwenza ingeniso, ngenxa yeemeko zoqoqosho ezithwaxa ilizwe. Oku kukhokelela ekuvalweni kwemigodi.