Unyaka uphelile bafundi

Mphathiswa wezeMfundo uFundile Gade.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, unikeze inkxaso kubafundi nakootitshala beli Phondo leMpuma Koloni njengoko esithi iPhondo eli lisajongene nelifu elimnyama. Esitsho emva kokuba kubhubhue abafundi abayi21 kwinyanga yeSilimela, bebhubhela kwindawo yentselo iEnyobeni beyokubhiyozela ukugqiba ukubhala kwabo.

Uthi njengoko kule veki ngoLwesibini bekuvulwa izikolo, abanye abafundi kwakunye nootitshala bachukumisekile.

UGade uthi bekukokokuqala ngoLwesibini bevula ngaphandle kwaba bafundi ezikolweni. Uthi unethemba lokuba abafundi baza kuzimisela kwaye bajongane nezifundo zabo.

UMphathiswa ukwabongoza abazali baqhubekeke noxanduva lokukhathalela abantwana.

“Iiholide zikaJuni zenzelwe ukuqinisekisa ukuba abantwana baphumlile kwaye bakulungele nokuphindela esikolweni phambi kokuba baye kwiimviwo zokuphela konyaka. Ndiyabamkela nabo bafundi babuye entabeni bephilile, ndikwababongoza ukuba baziphathe kakuhle babengumzekelo esikolweni,” utshilo uGade.

“Ndikwathemba ukuba abo bafundi bebeqhubekeka nezifundo ngeli xesha leholide baza kulusebenzisa kangangoko ulwazi abathe balufunxa. Unyaka sele usiya ekupheleni, ndibongoza abazali ekubeni baxhase abantwana nesijonge kubo njengeenkokheli zangomso, kwaye baqinisekise ukuba bayawenza nomsebenzi wesikolo.”