Unyana ubulele uyise ngenxa yesali yehashe!

 KUBANJWE inkwenkwe eneshumi elinesixhenxe ubudala ngamapolisa aseXhorha, emva kokuba ithe yabulala uyise wayo onamashumi amathathu anesihlanu ubudala.


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, le nkwenkwe ibulele uyise wayo kuba uyise esuke wabeka isali yehashe kwigumbi layo ngaphandle kwemvume yonyana. Oku kwenzeke kwilali yaseCwebe eXhorha.


UManatha uthi unyana kubonakala ukuba akayithandanga into yokuba utata wakhe abeke isali egumbini lakhe. Unyana ungene ngemela kuyise wakhe emhlaba kumzimba ongentla. 

Utata ubalekiselwe kwisibhedlele iMadwaleni eXhorha, apho athe wabhubhela khona. 

Oku kwenzeke ngoLwesithathu emva kwentsimbi yeshumi elinanye kusasa.

Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla yamatyala eXhorha ngoLwesihlanu.  

Umrhanelwa uthathwe ngamapolisa amgcina kwisihlobo somrhanelwa  nanjengoko engekabikho lungelweni lokuvalelwa ngenxa yokuba usengaphantsi ngokweminyaka. Igama lexhoba alikachazwa koonondaba njengoko kusaziswa izihlobo.