Unyana utyhola unina ngokuthakatha

Umakhulu uFlorence Ludziya kwakhe Umfanekiso: Phinda Kula

Kapa: Kubantu abadala ngeminyaka kuxhaphakile ukuva iziganeko zokuba boyanyaniswa nobugqwirha zizalamane zabo, kungenjalo ngabamelwane.

Oku kubangela ukuba baphile ubomi bentshontsho nanjengoko baba sisithuko nakwimveku esakhulayo. Ikakhulu la ibangamaxhoba abhinqileyo abekwa ibala lokuthakatha.

Oku kubangela unxunguphalo kwimpilo zabo nanjengoko bengenawo amandla wokuzilwela bazithethelele.

Le meko ixhaphake kakhulu kwiindawo ezihlala abantu abaNtsundu.

Imizi yabo iyonyeliswa babekwe amabala ngezinto abangazenzanga. Kuye kube buhlungu ngakumbi xa lowo ethe wafikelwa leli lishwa agxijwe, athukwe yinzala yakhe ngobuthi.

Oku kubangela ukuba abesemngciphekweni wokuba sisisulu sasekuhlaleni nto leyo ibangela ukuba abe likheswa.

Umbuzo mnye, iyakuze iphele nini into yokutyatyekwa ngobuthi kumanina asele ekhulile ngeminyaka?

Le yindlela yokungcungcuthekisa lowo utyholwa ngokuthakatha kube kungekho bungqina obunokusetyenziswa ukuba kuhlanjwe igama lakhe.

Oku kubangela ukudandatheka emphefumlweni de lowo utyholwayo aziqalekise iintsuku zokuphila kwakhe ebudaleni.

Umakhulu uFlorence Ludziya (68) lixhoba lamva nje lokubizwa njengegqwirha ngunyana wakhe kwilokishi iSite View eGrabouw. “Ndaphantse ndazibulala ngenxa yokuhlala kakubi, ndithukwa ngunyana wam ngobugqwirha de kwangenelela nabamelwane, bengqina ukuba nditsiba ndibuye emini,” utshilo uFlorence.

Uthi unyana wakhe umtyhola ngokubulala inkosikazi yakhe, nathi yayingaphilanga kwaye yayingawatyi kakuhle amachiza.

“Ngenxa yokuba ndithandaza lo nto yandisindisa ukuba ndingabuthathi ubomi bam kwimihla endiyolulelwe nguMvelingqangi.”

ULudziya uthi kungokunje akaxatyiswanga kwindawo ahlala kuyo nanjengoko abantu bechamela kwikhaya lakhe xa besela utywala kwindawo ekufuphi naye eshishina ngotywala, nadiza ukuba abalali yingxolo yayo.

Lo makhulu uzihlalela yedwa kwikhaya lakhe, uthi uphila ubomi bentshontsho. Esitsho kananjalo ukuba akukho ncedo lungako alufumana kwabakwantsasana ekuhlaleni.