‘Unyana wam uqhunyelwa kum’

UNomvuyo Mbewana waseChicken Farm obethwa ngunyana wakhe osebenzisa iziyobisi UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Inkosikazi yelokishi entsha iChicken Farm kufuphi naseMdantsane ide yaphazimiseka engqondweni ngenxa yokungonjwa ngunyana wayo oneminyaka elishumi elinesihlanu osebenzisa iziyobisi.

UNomvuyo Mbewana (50) uthi umqaphele phakathi kunyaka ophelileyo ukuba unyana wakhe, ogama linguNyaniso (15), usebenzisa iziyobisi ngethuba efunda eDavid Mama High eMdantsane esenza uGrade 8.

“Ndabizwa esikolweni, xa ndifika bathi ootitshala mandibuze kuNyaniso ukuba wenzeni esikolweni. Xa ndibuzayo, akafuni ukuxela ukuba wenzeni. Zange zivume iititshala ukundixelela de ndabona ukuba mandiye naye emapoliseni kwa-NU 1.

“Ndathi ndisathetha namapolisa kuba ndifuna oyike athethe le nto ayenze esikolweni, wasuke wabaleka apho emapoliseni. Yaba kukuyeka kwakhe isikolo eDavid Mama, kwaye kunanamhla andikayazi eyona nto wayenzayo eDavid Mama kodwa ndeva ngelungu leSGB ukuba wafunyanwa esebenzise iziyobisi emva kokuvavanywa,” utshilo uMbewana.

Uthi emva kokuhlala nonyana wakhe isithuba esingangeenyanga ezintandathu engafundi ebecinga ukuba uzakutshintsha kodwa uya enwena ekusebenziseni iziyobisi.

“Ndenze iinzame ukuba ayokufunda apho utata wakhe ahlala khona eZizamele eGcuwa. Ufundile ekuqaleni kwalo nyaka kodwa sele eyeke nesosikolo ngenxa yengxaki enye yeziyobisi,” utsho uMbewana.

UMbewana uthi uNyaniso ukhe waduka eGcuwa, ebaleke kutata wakhe, wayokufunyanwa kwindawo ethandwa ngoonqevu eSkiet eGcuwa.

Lo mama uthi akungena nzulu kwezona zinto zenziwa nguNyaniso ngenxa yokutshaya iziyobisi, asothule phezulu isikhalo.

“Ndithi ndakuzama ukumnqanda andibethe, uyandiqhwaba ngempama, undibetha ngamanqindi aphinde andikhabe. Akukho nto angayenziyo kum uyandithuka. Ndingumntu ohlutshwa ngamathambo, ngoko ke uthi akundibetha kubenzima nokubaleka okanye ukulwa,” utshilo lo mama ekhala, ekwathi usamthanda unyana wakhe.

Ngethuba I’solezwe lifika kwikhaya likaMbewana kule veki lifike iisofa zophukile. “Zophulwa nguNyaniso xa eqhunyiwe. Andisenayo into eyiglasi apha endlini uzophula phantsi zonke. Kukho amaxesha avele angene engazazi nokuba ungubani igama eqhunyiwe, iimpahla zimdaka. Ibandim ovele abenentloni, amhlambele impahla.”

Lo mama uthi umkhuluwa kaNyaniso, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, uphumile endlini wayokuxhwarha koommelwane ngenxa yokuhlutshwa nguNyaniso. UMbewana uthi uwenzile amacebo ezama ukudibanisa uNyaniso noonontlalontle.

“Undibethela lo nto, uthi kutheni ndibiza oonontlalontle bobubhanxa,” utsho lo mama. UMbewana uthi sele efuna uncedo olukhawulezileyo athathe asiwe kwindawo zokoluleka okanye ozofunxa iziyobisi ezo zisemzimbeni wakhe. Uthi namapolisa afikile kwiveki ephelileyo kodwa akukhange kubekho nto ayenzayo.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala uthi, uMbewana makayokuvula ityala emapoliseni achaze ukuba akamfuni umntwana ngaphakathi eyadini kwakhe kuba uyammosha kwaye uyambetha.

UMqala uthi kunoxwebhu azakuthi alityikitye elikhethekileyo xa evula ityala elizakuthi lithunyelwe kumtshutshisi yinkundla. Uthi izakuba ngumtshutshisi ogqibayo ukuba asiwe kwindawo yololuleko kusini na. UMqala ukwathembise ukuba oku uzakuthi akulandelele ukuncedisa ixhoba.