Unyana wegqirha ufunyenwe ebhubhile

Usapho lakwaMatyolo kwilali yaseNgcamngeni eDebe Nek kude kufuphi naseQonce, luthi noko ithemba likhona lokuba liseza kufumaneka igqirha uNdoyisile Matyolo (79) xa ekwazile ukufumaneka umzimba wonyana walo uDidimba (50).

UDidimba ufumaneke kuMvulo weveki ephelileyo kwithafa laseMngqesha sele umzimba wakhe ukwimeko embi kakhulu.

Ilungu losapho uBonisile Matyolo uthe: “Sincedwe yimpahla ebeyinxibile kuba siyazi kodwa wona umzimba ubusele ukwimeko embi kakhulu. Enye into esincedileyo kuye kwafumaneka ecaleni kwakhe kukho izembe eli babemke nalo kuba babeyokugrumba amayeza.”

Uthi bayavuya kakhulu, kungcono nangaphakathi njengoko bebexhelekile nje.

Uthi kucacile ukuba nomkhuluwa wakhe useza kuvela, ithemba basenalo belusapho.

Oku kulandela emva kokuba uNdoyisile oligqirha ekunye nonyana wakhe uDidimba bagqityelwa ngomhla wama24 kwinyanga yoMdumba beyokugrumba amayeza kwihlathi iNtaba kaNdoda kuQoboqobo, zange baphinde babonwe.

Into eyathi yabuya yaba yinja yekhaya ababehambe nayo ngethuba beyokugrumba amayeza.

Usapho luthi emva kokubona ukuba ixesha liyahamba kuqengqeleka iiveki, lwathathisa lusiya koosiyazi kodwa bebuya nelize.

Usapho luthi umzimba wexhoba ukumzi wogcinozidumbu karhulumente apho kuzakuthi kutsalwe khona igazi (DNA) ukuqinisekisa ukuba nguye kusini na.

Usapho lubulela kuluntu ngenkxaso nakumapolisa athe ancedisa, lukwabongoza nokuba lukhangeliswe ixhego elingekafumaneki.