Unyawo lwemfene kumlilo otshise i-ofisi yenkulumbuso

Kwi-Office Of The Premier apho kutshe amaxwebhu aqulathe ulwazi malunga nophando ngenkcitho engafanelekanga

UKUTSHA kwamaxwebhu aqulathe ulwazi malunga nophando ngenkcitho engafanelekanga kurhulumente wephondo, kudale ukurhaneleka konyawo lwemfene kulandela ukutsha kwe-ofisi yeNkulumbuso eBhisho equlathe la maxwebhu.

Amagumbi amathathu kule ofisi atshe emva kwemini ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, eshiya amaxwebhu abalulekileyo aqulathe ulwazi ngophando lwenkcitho-mali engafanelekanga karhulumente etshe aluthuthu.

INkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle kunyanzeleke ukuba ashiye inkomfa yemigaqo-nkqubo yeANC eze ephondweni ngeenjongo zokuhlola ubungakanani bomonakalo walo mlilo.Ephelekwa nguMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga, uMasualle uhlole umonakalo walo mlilo eBhisho.

UMasualle uthi esi sisehlo ebekufanele ukuba asenzekanga.

“Ngaphandle kwamathandabuzo, ukutsha kwala maxwebhu kuza kubanefuthe kwindlela ekufanele sizibhence ngayo eluntwini. Ukulahleka kolwazi lukarhulumente yinto ebingafanelekanga,” utshilo uMasualle.

UMasualle uthi esitsha nje la maxwebhu, urhulumente wephondo ebekwinkqubo yokuthabatha iinkcukacha zawo zifakwe kwikhompyutha. “Ndiyayazi ukuba kukho amanye amaxwebhu esele siwafake kwikhompyutha, kodwa kuyacaca ukuba akhona amanye esiphulukene nawo,” utshilo uMasualle.Umsebenzi wale ofisi oncokolele I’solezwe, uthi “ngumnqa” into yokutsha kwezi ofisi. “Okokuqala itshe ngoLwesihlanu, phaya emva kwemini, ixesha lokuba abasebenzi begoduka besiya kwimpelaveki. Okwesibini akukhange kukhale kwa-alamu. Okwesithathu, lo mlilo uye kule ndawo inalamaxwebhu,” utshilo lo msebenzi. Ephendula kumbuzo wephephandaba I’solezwe malunga nokuba sikhona kusini na isixhobo esigwenxa ebesikhe sabikwa kwezi -ofisi uMasualle uthe: “Ngokolwazi lwam akukho nto igwenxa ekhe yabikwa kule ofisi. Futhi neeCCTV Camera, ndixelelwe ukuba zikwimeko elungileyo.”

UNtshinga uthi kungekudala bazakubhengeza esona sizekabani somlilo. “Uphando luyaqhuba, sizibize zonke iingcali eziphanda ngemililo. Zizo ezizakuyiphanda yonke le nyewe,” utshilo uNtshinga.