Owayesakuba ngumfundisi-ntsapho kaChris Hani akawuvali umlomo ngokuhlohla eli gqala lezopolitiko eMzantsi Afrika.
U-Alban Nyimbana wakuZigudu eCofimvaba wayengutitshala kaHani kwisikolo saseLower Sabalele kuCofimbaba kwiminyaka yoo1952.“UHani wayenomahluko kakhulu kwabanye abantwana besikolo, iimpawu zobunkokeli zazicace okwekati emhlophe ehlungwini kuye. Wakhe wambona phi wena umntwana othi ehleli nje abe elangazelela ukunceda abanye?
“Ukusuka kwakhe kusapho oluhlelelekileyo kwabanegalelo ekubeni anqwenele ukwabelana nabanye nangantoni na anayo. Kaloku njengomntwana wonke okrelekrele nokhutheleyo esikolweni, uHani wayenenyhweba yokuphiwa ngootitshala izinto ezimnandi, atsho abelane nabanye,” utshilo uNyimbana.
“Wayebukhali kakhulu ezifundweni, ezichana kakuhle iilwimi ezifana nesiLungu nesiBhulu kuba sasixhaphakile ngelo xesha ezikolweni, nesiXhosa sakowabo wayesicwaba ke kambe. Kwezembali ke wayesoloko ephanda ulwazi, efuna ukuqonda ukuba kwakutheni ze kwenzeke isiganeko esithile ngonyaka othile, yayinguHani ke lowo.
“Ukuyinxanelwa kwakhe imfundo kungqinwa kwayinto yokuba wayekhenketha umgama ongaphaya kwamashumi amabini anesihlanu eekhilomitha rhoqo, esiya esikolweni nasecaweni yamaRoma.
Ubuhlobo bam naye zange buphelele esikolweni kuphela, kaloku wayefana nonyana wam uHani kangangokuba nangethuba nditshata noMambhele ngo1959 wayengomnye wabakhaphi bam,” kutsho uNyimbana.
UNyimbana uyakhathazeka njengomntu wonke kukufumanisa ukuba ababulali bakaHani, uClive Derby-Lewis noJanus Waluz bafumana uxolelo ngendlela elula ngolu hlobo, esithi kungangcono ukuba usapho lukaHani belunokubaxolela kuqala bagaxolelwa yinkundla kuphela.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro