UNYULO LOVALOZIKHEWU eBUFFALO CITY

Isaziso: IKomishini eZimeleyo yezoLonyulo (IEC) kuMasipala iBuffalo City izakube ibambe unyulo lovalozikhewu ngomhla wesithandathu kweyeSilimela (June) kwezi Wadi zilandelayo:

KwaWadi 18, kuza kuvotwa kwezi zikhululo zilandelayo:

·Vincent Methodist Church

.Stirling Badminton Hall

·Kingsway Tennis Club

KwaWadi 21, kuza kuvotwa kwezi zikhululo zilandelayo:

·NU 12 Community Hall

.Nowonga Junior Primary School

·Lukhanyo Junior Primary School

Izikhewu ezibangele olu nyulo ziza emva kokulahla embuthweni koceba weDA kwaWadi 18, logama esakwaWadi 21 sivuleke emva kokubhubha koceba weANC. KwaWadi 18 kukho abavoti ababhalisiweyo abakuma8 263 logama kwaWadi 21 kukho abavoti ababhalisiweyo abakuma7 109.

Ezi zikhululo zingentla ziza kuvulwa ngentsimbi yesixhenxe kusasa ukuya kweyesithoba ebusuku kwaye abavoti kufuneka beze nezazisi, iSmart ID okanye oolindela (Temporary Identification Certificates) ukuze bathabathe inxaxheba kuvoto.

Esi saziso sikhutshwe yiOfisi yeKomishini yezoLonyulo eZimeleyo (IEC) kumasipala ombaxa iBuffalo City.

-Ms KP Bana, Regional Manager