Unyulo lovalozikhewu eMpuma Koloni

Iziphumo zonyulo lovalozikhewu eBuffalo City ziphumile, apho iANC imkhusele ngempumelelo uWadi 21 ze neDA yenza njalo kwaWadi 18.


KwaWadi 18, owenziwa yiVincent, Bunkers Hill, Nahoon Beach, Bonnie Doon neWoodleigh – uJason Scott McDowell weDA ebe qubisana noAndrew Michael Sokolich weANC kuquka noLiveni Quisto Sani weCOPE kwanoNosiphiwo Runqu weEFF. 

Le Wadi ivuleke isikhewu emva kokulahla esikhundleni koceba weDA uDavid P. Viaene.

Ngokweziphumo iDA iyiphumelele ngo-95.92 weepesenti le Wadi.

KwaWadi 21, equka i-N.U. 12 ne-N.U.13 Mdantsane, Mdantsane West kwaneRiverine, kuphumelele uEdwin Owen Mpumelelo Fini weANC ngo- 89.98 weepesenti. Le Wadi ivuleke emva kokubhubha kukaceba weANC uMlandeli Ngabayena.

KwaWadi 21 iDA ayikhange ifake mgqatswa, nto leyo ethe yabangela ukuba uFini aqubisane noBeauty Nozibele Nongqele weCOPE kwanoLuyanda Vetyeka weEFF.

Kusenjalo, iANC iluphumelele ugqatso kwaWadi 9 eNgquza Hill emva kokufumana iivoti eziku-61.21 weepesenti. Umgqatswa weANC uKholiswa Vava nguye ophumeleleyo ebetha uTony Ntshangase weAPC, Mandla Gogo weDA kwanoThandokazi Xhobiso weEFF. Le Wadi ivuleke isikhewu emva kokubhubha koceba weANC.

Iphefumla ngezi ziphumo, iANC eMpuma Koloni ithe: “Ezi ziphumo zibonakalisa mhlophe ukuba iANC ngumbutho wabantu. Sibulela wonke umntu obonakalise intembeko kwiANC.”

Yena uNqaba Bhanga weDA uthe: “Ndibulela  wonke umntu obe phumile izolo (ngoLwesithathu) ukuya kuqinisekisa ngotshintsho oluziswa yiDA eMpuma Koloni.”