IINKOKELI zeDA bezikwiYunivesithi yaseFort Hare ngelizokunika inkxaso kwiphiko labafundi balo mbutho, iDASO.
Namhlanje eFort Hare izakubamba unyulo lweenkokeli zabafundi. Kunyaka ophelileyo iDASO yothusa umzi ngokuphumelela ulawulo lweSRC kweli ziko lemfundo ephakamileyo, kodwa noxa kunjalo iinkokeli zeDA aziyekelelanga mxakatho.
Umongameli weSRC eFort Hare uBusisiwe Mashiqa uxelele inginginya yabafundi ebizalise iholo kule yunivesithi ukuba umsebenzi oqalwe yiDASO awukafe-zekiswa.
Uchaze imeko enzima asebenze phantsi kwazo, nezidalwe kukungabikho ntsebenziswano nebhunga lale yunivesithi. “Izicelo zethu ziwele kwiindlebe ezingevayo kuba le yunivesithi ibingazimiselanga kusabela zikhalo zethu,” utshilo uMashiqa.
Ugxeke urhulumente olawulayo ngokungayinanzi imfundo, esithi, “Ihamba isibethe into yokuphathwa ngabantu abangafundanga kuba abalazi ixabiso lemfundo ephakamileyo.”
Inkokeli yeDASO kuzwelonke uYusuf Cassim uthe, nangona iDASO yaphumelelayo eFort Hare zange ibekulawulo olupheleleyo kuba ingazange iqhube kakuhle kwisebe eliseMonti.
UCassim uthe, “Sawa phantsi ngeevoti eziyi80, lo nto yenza ukuba sibe namalungu amabini kwibhunga, kwakunye neSASCO, iPASMA yanelungu. Esi sibini seSASCO kwakunye nePASMA zenza umanyano oluphazamise kwanto sizama ukuyiphumeza.”
Neminye imibutho yabafundi ibibila isoma igaya inkxaso ukuba inikwe ithuba lokulawula kule yunivesithi.
UThembani Makatha ongusosiba weSASCO uthe, kulo nyaka bagxile kwiimfuno zabafundi, zokuqinisekisa ukuba abafundi bazuza oko bakuzeleyo kweli ziko lemfundo.
“Kulo nyaka, khange senze mibhiyozo, sithathe isigqibo sokuba sithethe ngqo nabafundi, sifumane ezona zizathu zibenze abasivotela kunyaka ophelileyo, basixelela ke,” utshilo uMakatha.
Ukwathe, abafundi badanile yindlela ebebekhokelwe ngayo yiDASO kuba khange iziphumeze izinto ebibathembise zona, “Yayibathembise imali yokutya eyiR1 800 ngenyanga kwiR400 ebebekade beyifumana.”
Ukanti iPASMA ithe, abafundi bavotela iDASO ngezizathu ezingezizo. Okhokele lo mbutho kule yunivesithi uKhuzelihle Ngcelwane uthe, “Abanye batsalwa zizikipa, abanye kukutya, sifuna abafundi benze izinto ngengqiqo.”
Ukanti iphiko labafundi be-EFF kule yunivesithi bathe, injongo yabo kukuzisa iinguqu eFort Hare. “Sifuna ukususa inkqubo yobukoloniyali kule yunivesithi ukuze kubekho inkqubo enika abafundi amathuba alinganayo, sifuna nokukhulisa umanyano phakathi kwabafundi,” utshilo * -Athule James, ongumgqatswa we-EFF kwiSRC.
Usihlalo weEFF eFort Hare uYamkela Buyeye uthe, “Sifuna nokusiphula ulawulo olunekratshi apha, siphelise nenkqubo yokuqeshwa kwabantu phantsi kweenkampani ezishishina ngabasebenzi.”
Iziphumo zonyulo kulindeleke ukuba zibhengezwe ngoLwesihlanu.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike