UPakati ukhuthazekile linyathelo lokuncedwa kwabafundi

Usodolophu womasipala ombaxa iBCM uXola Pakati, usihlalo wePTF uThando Thomas benikezela izipho zezihlangu kubantwana bzikolo zaseMdantsane UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Kumaxesha amaninzi urhulumente uye akhuthazeke nangakumbi xa ebona uluntu ukuba luyancedisana naye ngokuthi luphuhlise abo bangathathintweni kwindawo zokuhlala.

Oku kudizwe ngusodolophu womasipala ombaxa iBuffalo City uXola Pakati ngethuba iPeppy Thomas Foundation (PTF) inikeza ngezihlangu kubantwana bezikolo zaseMdantsane abalikhulu elinamashumi amathathu (130).

Izikolo ezixhamlileyo kwesi sisa sePTF yiSandisiwe Senior Secondary, Moses Mabhida High, Loyiso High, Zimasa Primary, WM Mtyeku Junior Primary kwakunye nesikolo iShadrack Junior Primary.

Abafundi abakhethiweyo bezi zikolo bathe babuthelana kwithala leencwadi eMdantsane kwa-N. U. 14 ukwamkela ezi zipho.

UPakati uthe: “Singurhulumente siyothulela umnwqazi le nto ithe yenziwa [yiPTF] siyakhuthazeka. Ongasekhoyo uNelson Mandela wathi imfundo sesona sixhobo sinokusisebenzisa ukutshintsha ilizwe.”

“Yinyaniso emsulwa ukuba xa ufundile iimeko zentlalo zakho zibangcono. Bazali masihlale sibakhuthaza abantwana bethu ngokubaluleka kwesikolo ngalo lonke ixesha,” utshilo uPakati.

Unobhala wePTF, uSamkelo Ngwenya uthi phambi kokuba baseke lo mbutho ungenanto yakwenza narhulumente bebemane bezenzela de babe bayagqiba ekubeni badibane ngokuseka iPTF.

“Ekuhlaleni phantsi nogxa bam sibone ukuba eyona nto inokuthi ibeligalelo kwaye ikhuthaze abantwana ukuya esikolweni zizihlangu. Ngokwenza oku kuzinzame zokubakhuthaza. Ikwazinzame zokulwa nemiceli-mngeni edibana nabantwana besikolo ekukhuleni kwabo,” utshilo uNgwenya.

Umfundi webanga likaGrade 11 oxhamlileyo waseSandisiwe uKhanyisa Matyolo uthi uyavuya ukufumana ezi zihlangu, esithi zizakwenza umahluko omkhulu kuye.

“Xa ndisiya esikolweni ndihamba umgama omde ngenyawo andikhweli, kulapho ziguga khona izihlangu kuba azikho kumgangatho. Kufuneka uthenge izihlangu rhoqo kube kungekho naleyo yokuzithenga imali, ndiyabulela kakhulu yinto esiyenzelweyo,” utshilo uMatyolo. Unondyebo wePTF uLubabalo Makapela, uthi imali abayisebenzisileyo ukuthenga izihlangu angayiqikelela kwiR24 000 esithi baye bancediswa ngoomashishini baseMdantsane ukwenza oku.