UPeter Ndoro kamabonakude uza kusithela kumabonakude

UPeter Ndoro ongumsasazi weenkqubo-ndaba kwiSABC Umfanekiso: Twitter

Intandane
yomsasazi kamabonakude kwiSABC uPeter Ndoro uza kuhlaba ikhefu kwinkqubo
yeendaba emva kokubhengeza ngempazamo ukuba uMongameli omtsha woMzantsi Afrika
uCyril Ramaphosa uswelekile.

NgoLwesine,
kwinkqubo-ndaba yakhe yentsimbi yesithandathu ngorhatya, uNdoro uphazame wathi  nguRamaphosa obhubhileyo  endaweni yenkokeli yeqela laseZimbabwe iMovement
for Democratic Change, uMorgan Tsvangirai obhubhe kwiveki ephelileyo.

Kwinyanga
ephelileyo, uNdoro wenze le mpazamo inye, esithi uMangosuthu Buthelezi we-IFP
ubhubhile, ngexa kubhubhe owayesakuba yinkokeli yaseBophuthatswana uLucas
Mangope.

UNdoro
uxelele iSABC ukuba udiniwe kwaye udinga ukuphumla, kwaye neSABC yatsho isithi,
makathabathe ikhefu elo.

“Emva
kokuthetha naye sifumanise ukuba ngokwenene udiniwe, kwaye udinga ukuphumla.
Yiyo ke lo nto eza kuthabatha ikhefu kula nkqubo-ndaba ixesha elithile,” kutsho
uKaiser Kganyago ongumlomo weSABC.

Kuthiwa
uNdoro ungxengxezile kwi-ofisi kamongameli kwaye uxolo olo lwamkelwe.