Uphakamisa igama laseCala emva kokungenela ukhuphiswano

Usomashishini waseCala uLitha Ndabula ongumnikazi weshishini elibizwa ukuba yiVenclean Group eshishina ngezixhobo zokucoca, ukwiphulo lokuqaqambisa iCala neMpuma Koloni iphela kulandela ukuchongelwa kuluhlu lokugqibela loosomashishini abavavanywa kwiprojekthi yakwaSAB ebizwa njengeSAB KickStart Boost.

Inkampani kaNdabula isebenza ngezixhobo zokucoca ngaphakathi ezindlini kuquka nokucoca iimoto.

UNdabula, 33, ukuze abengomnye wabalishumi kukhuphiswano lweSAB KickStart, wancedwa kukungena kwakhe kumnatha wonxibelelwano ekhangela into enokuthi imgcine exakekile kwaye akhulise neshishini lakhe nangakumbi, kanti elo lithuba lakhe. Waye wagagana nokhuphiswano olu kanti neentsuku sele zimbalwa ukuba luvalwe ungenelo.

Uthi kobo bunzima bokungabikho kwenetwork eCala, zabe neentsuku zihambile, imimangaliso yeenzeka kuba namhlanje ukuluhlu labokugqibela kukhuphiswano. ISAB KickStart ibifuna abantu abatsha abaphakathi kwama-22 ukuya kuma-35 eminyaka abakwezoshishino, ezakuthi ibaqeqeshe kwaye ibaphuhlise kumashishini abo.

Uthi iVenclean yaqala kancinane njengoko waqala ngokuxhoma ibhodi kwidolophu yakhe, enombono ngeshishini eli, engekabinazo zonke izixhobo, kodwa abantu beza namacebo.

“Ngokumane lowo nalowo endibuza ukuba ndingakwazi na ukwenza into ethile ndibe bendingekayicingi kwaye nezixhobo zingaphelelanga, yaba licebo kum. Ndingatsho ndithi iVenclean ikhuliswe ngabantu kuba ezinye zeembono zezabo.”

IVenclean ayisafumaneki kwidolophu yaseCala kuphela, inwenwele eCofimvaba kwakunye nase-Elliot: “Umnqweno ngoku kukuba ikhule nangakumbi kuthi kufika unyaka ka2019, ibe sele inabasebenzi abangamashumi amathathu njengokuba sisebahlanu okwangoku. Kwiminyaka emithandathu ezayo ibe sele isebenzisana neevenkile eziyi-25 kwaye isaziwa kulo lonke eli,” utshilo uNdabula. Uthi kuninzi okuhlukileyo ngelakhe ishishini kunamanye. Into eyohlulayo kukuba bebonke benza amashishini awohlukeneyo angafaniyo.Uthi kuninzi akufundileyo kule ndlela ayihamba noSAB KickStart. Banikwa uqeqesho kwisakhono sokuqhuba ishishini, ukulawula izimali, uhlobo lokuthengisa ishishini lakhe umntu, uhlobo lokuphatha abasebenzi kwanohlobo lokwenza udliwano-ndlebe.

“Ndifunde ukuba imali uyakwazi ukuba nayo xa ukwezoshishino kodwa ungayazi ukuba mawuyisebenzise njani, ngenxa yabacebisi oko kundincedile.