Uphalaza imbilini utata wentwazana efunyenwe iswelekile eStrand

Apho kwafunyanwa umzimba kaMinentle

Kapa: Utata wentwazana yaseStrand eKapa, uthi indlela ahlupheke ngayo emphefumlweni akubona umntwana wakhe uMinentle Lekhatha sele engasaphili, akakwazi nokuyichaza.

USiyabonga Bomela, 25, uthi: “Andikwazi kuyichaza indlela endiye ndaziva ngayo ukubona kwam umzimba wakhe, ndikhubeke kakhulu emphefumlweni. Andizange ndikwazi nokuxelela abantu ukuba nguye okanye asinguye kusini na kuba impendulo yayibhaliwe ebusweni bam.”

UMinentle yintwazana ebineminyaka emihlanu ubudala, ehlala kwingingqi yaseNomzamo eStrand nomakhulu kunye nodadobawo wakhe, nethe wagqityelwa ukubonwa ephila emva kwemini ngoMgqibelo umhla wesithathu kule nyanga.

Ngokwengxelo wabonwa ngabantu abaliqela ebanjwe ngesandla yinkosikazi engaziwayo eyayibeleke umntwana, kanti kukunyamalala kwakhe oko.

USiyabonga uthi belusapho bakhangela imini nobusuku bayo ngoMgqibelo, bemane bebuyela endlini kodwa abafumana mkhondo malunga nenkosikazi ebibonwe ehamba nayo umntwana wakhe.

Uthi: “Ndiye ndathi ndihleli ngezithuba zentsimbi yesine ekuseni ngeCawe, ndanombono kaMini ebotshelelwe ezidlikidla ngelizama ukuzikhulula. Andinakuthi bendiphupha kuba bendingalelanga kodwa ndifikelwe nguloo mbono.”

Emva kokukhangelwa ngabahlali namapolisa kuye kwaxhonywa amaphepha kwiindawo ezithile ezinomfanekiso walo mntwana ngelizama ukuba nabanina ombonileyo atsalele usapho.

Ngokwengxelo kaSiyabonga, emva kwentsimbi yesibini ngeCawe, unina wakhe nobehlala naye uMini ufumene umnxeba osuka kumanenekazi asebenza kwindawo ethengisa ukutya, esithi ukhona umzimba abawubonayo phantsi kwebhulorho.

Uthi yena kunye nomhlobo wakhe baye baleqa kuqala ukuya kwindawo echaziweyo nalapho umhlobo wakhe yaba nguye ongene kuqala ngaphantsi kwindawo eyakhonjwa ngaloo manenekazi nanjengoko bafika esalindile.

Uqhuba athi umhlobo wakhe waphuma sele elila engathethi, kwabe sele kufika namanye amalungu osapho kwanamapolisa.

Uthi “Mna ndithe ndakungena ndabona kwa isinxibo ukuba ngumntwana wam. Umzantsi wempahla yokulala ebeyinxibile umiswe ezantsi kwamadolo, yena elaliswe ngomqolo.”

Ukanti uninakazi kaMinentle uPuseletso Lekhatha uthi “Sibuhlungu kakhulu silusapho, kuyabonakala ukuba lo mntwana ungcungcuthekisiwe phambi kokuba asweleke. Eyona nto ingumnqweno wethu kukwazi le nkosikazi ihambe naye kwanomntu lowo umbulele ngolu hlobo.”

UPuseletso uthi aziyonyani iingxelo zamanye amaphephandaba zokuba amehlo akrolonqiwe nezandla zanqunyulwa, koko imehlo lasekunxele livalekile kuba ebelele ngalo kodwa elasekunene livulekile, kwaye unamanxeba ezihlahleni ekunokwenziwa kukuba ebebotshelelwe.

Amapolisa athi awanakuziqinisekisa iingxelo zokuba lo mntwana udlwengulwe de kubuye ingxelo zohlolo lwesidumbu, kufunyanwe nonobangela wokubhubha.

Okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo kodwa kuqhutywa uphando.