Uphando emva kokubonwa komzimba ujinga emthini

Umzimba wendoda ofunyenwe eMthatha Umfanekiso: sinikelo goqweni

Amapolisa aseMthatha avule ityala lophando kulandela ukufunyanwa komzimba wendoda engaziwayo eqikelelwa kumashumi amabini anesibhozo eminyaka ubudala ujinga emthini. Lo mzimba ubhaqwe ekudibaneni kwesitalato iDellville neLeeds eMthatha, umfi ezixhome ngebhanti.

Ngethuba intatheli yeliphephandaba ifika kwindawo yexhwayelo umzimba ubusele wothulwe emthini kodwa usekwindawo yesiganeko.

Umhlali wokuqala ozibonele ngamehlo eli sikizi obesothukile, nongavumanga ukubizwa ngegama uxelele eliphephandaba ngakubonileyo.

“Bendinyuka ndisiya kule BnB ilapha ngasentla ngokomsebenzi, xa ndivela kule kona ndibone umntu ophantsi komthi ndaqala ukoyika ndicinga ukuba ngutsotsi ukhwele emthini, ndakuqwalasela ngumntu ojingayo ndakhwaza abanye abasebenzi kwabizwa amapolisa. Indlela endothuke ngayo ayithetheki,” utshilo umsebenzi oziboneleyo.

Abahlali besi sitalato bathi lityeli lesibini abantu bezixhoma kule mithi esekupheleni kwesi talato iLeeds njengoko omnye ezixhome kumgama olikhulu lemitha ukusuka kule ndawo kwiminyaka engalishumi edlulileyo. Ixhoba alikaziwa ngubani waphi okwangoku.

Isithethi samapolisa eMthatha ULieutenant Colonel Mzukisi Fatyela uthi ixhoba alikaziwa ngubani waphi, ityala lophando livuliwe ngamapolisa.

Umzimba ukumkhenkce karhulumente.