Uphando/Imbono – Infiniti South Africa

Mandulo abakhi beemoto bafumanisa indlela yokuthengisa iimoto zabo, baphuma nale ntetha iithi, “Race on Sunday, sell on Monday!”.

Into eyayithetha ukuthi ubukho babo nokubonakala kwabo kwimidyarho yeemoto rhoqo ngeempela-veki, ababukeli baye bayozithenga iimoto ezinala magama ngo-Mvulo olandelayo. Masibuye umva kancinci, sikhombise ukuba abakwa-Infiniti bangena phi kule ntetho.

U-Infiniti yinxenye yeshishini lakwa-Nissan e-Japan. Njengokuba i-Nissan ibabazwe ngokuba ifikeleleka ebahlalini, kwa-Infiniti bazama ukuthengisela abo baneempokotho ezinzulwana kunesiqhelo, bekhuphisana namagama athe ukubaphezulu afana nawaseJamani naseNgilani, sithetha ngee-Audi, BMW, Jaguar nee-Mercedes-Benz.

U-Infiniti wayekhe wakhona apha eMzantsi ngee-1980’s, akakho mtsha njengoba abantu abaninzi becinga , kodwa wanyamalala ekuqaleni kwee-90’s. Inokuba babecinga ukuba ukuphela kocalu-calulo kwakuzokunciphisa imarike yophuhliso lweemoto. Inokuba babona * -Lexus (wakwa-Toyota) ethengisa kakuhle, kuba ngoku baphinde babuya kule minyaka mibini igqithileyo.

Apho bangungqa-phambili khona kuseMelika naseJapan, kumazwe apho abathengi bathanda kakhulu khona iimoto ezintofo-ntofo ezibubucwebe ngaphakathi ziphinde zibentofo-ntofo endleleni. Kulawo amazwe, ngama-Jamani asokolayo ukuthengisa. U-Infiniti ucele umngeni kuwo kanye amaJamani ngokufuna ukuthengisa iimoto zabo e-Yurophu. Kulo njongo, baye bazinxulumanisa nentshatsheli kwezomgquma i-Formula-1, * -Sebastian Vettel, ukuba * -Vettel abeyintloko kwezokuphuhlisa indlela eqhuba ngayo endleleni i-Infiniti. Ngoko ke * -Infiniti uzama ukutshintsha laa ntetho ngoku ithi, “Race on Sunday, drive like the racer on Monday”.

Ngokubuya kuka-Infiniti, bafike bexhobe ngemizekelo yeemoto abazakhayo ezintathu. Eyokuqala neyesibini yi-Q50 ne-Q60 Cabrio, apho bazama ukuloba abathengi abajonge kwinqanaba lee-Audi A4/A5, BMW 3-Series, Lexus IS ne-Mercedes C-Class. Eyesithathu yi-QX70 ejonge ukukhuphisana nee-BMX X5, Porsche Cayenne nee-Range Rover Sport.

AmaJapan ke wona akayenzi le nto yokuthengisa igobhoza ekusafuneke wongeze izinto ezithile. I-Infiniti uyifumana ifakelwe yonke into enokufakelwa kolo luhlu lwemoto. Masiqale apha kwi-Q50. Ifumaneka ngeenjini ezintathu, i-Q50d ene-2.2litre yedizili enamandla angange-125kW nokutsala kwe-400Nm, i-Q50 Sport ene-2.0litre yepetroli eqobisa nge-155kW nhe-350Nm, ne-Q50S-Hybrid ene-3.5litre V6 yepetroli ekhatshwa yenye injini yombane yenze i-269kW ne-536Nm ngokupheleleyo.

I-QX70 ichophile yona, yi-SUV. Bayathanda ukuyiteketisa bathi yi-SAV, Sports Activity Vehicle, kuba ke ayenzelwanga ukuqabela amatye ncam. Kaloku yintandane i-SUV kubathengi, bathanda okwa kuchopha, kwenza lula ukukhwela emotweni kwaye naxa uqhuba ufumana imbono yangaphambili engcono kunaxa uqhuba i-sedan esondele endleleni. Phofu ke nikhe nibone ukuba abantu abaninzi bayathanda ukuqabela ii-pavements pha kwii-malls xa isithuba sokumisa imoto sinqabile. Nalapha kwi-QX70 iinjini zintathu onokuzikhethela kuzo. I-QX70d ine-3.0litre V6 yedizili ephethe i-175kW ne-550Nm. I-QX70GT ine-3.7litre V6 yepetroli ethembisa i-235kW nhe-400Nm. I-”last number” yi-QX70S 5.0litre V8 enamandla angange-287kW nhe-500Nm.

I-Q50 nhe-QX70 zinezinxibo ezintathu, i-Standard, Premium ne-Sport. I-Q50S-Hybrid ifumaneka nayo yonke into enokufakelwa, kodwa ungakhetha kwetsala ngamavili angemva okanye etsala ngawo omane amavili. Ungathandabuza ngesinxibo se-Standard, kodwa ungachazeka xa uthelekisa namaxabiso ezinye iimoto kwelo nqanaba. Masihlalutye iincukacha zezinto zobukhuseleko nezokudlala ezifumaneka kwiimoto zakwa-Infiniti.

Kwezokhuseleko kwa-Infiniti bazingca ngezibane zangaphambili nangemva ze-LED, ngaphambili ziphinde zibene-Smart Beam Assist ethoba ukukhanya kwezibane kwimoto eza ngaphambili kwelinye icala lendlela, kodwa phambi kwakho zikhanyisa kangangoko inako. Umqhubi akanyanzelekanga ukuba acofe nto yena, imoto iyazenzela. Ezi zibane ziyakwazi nokujika apho zikhombe khona zilandele apho amavili akhombe khona.

Oku kunceda xa uthatha igophe elitsolo okanye xa ujika ungena eyadini ekhaya. Ngemva izibane azikhanyi nje kuphela. Xa umqhubi enyathela izibambi kakhulu okanye ngokukhawuleza, izibane zidanyaza kaninzi ngokukhawuleza njenge-strobe-light, ukuze imoto engemva ikhuzeke ibone ukuba i-Infiniti izomisa ngokukhawuleza.

I-Lane Departure Warning & Prevention System ayalathisi umqhubi nje ukuba uyaphuma emgceni, iyakwazi nokuzijija ilwe nomqhubi ilungise ukuba imoto ihlale emgceni olungileyo. Uyakwazi kodwa ukuyicima le-system. Kukho ne-Blind Spot Intervention System, ekuxelelayo xa kukho imoto ecaleni kwakho ongayibonanga mhlawumbi. I-Back-Up Collision Intervention yona ikunika umfanekiso ngaphandle kwimoto macala onke, oku kwenze ukurhoxa nokupaka lula.

Ne-Predictive Forward Collision Warning System ayijongi nje le moto iphambi kwakho, ijonga neyesibini ngaphaya kwale iphambi kwakho, oku kunceda ukuba i-Infiniti ikuxelele ngokukhawuleza ukuba kwenzeka ntoni phambi kwakho, ukuze uphephe ingozi. Iingxowa zokhuseleko zomoya zininzi nazo, isithoba sonke seengxowa zomoya kwimoto nganye.

Endleleni ubuntofo be-Q50 buncedwa kukusebenzisa i-double piston shock-absorber kwivili ngalinye. Oku kuphinde kuncede ekubambeni kwemoto endleleni xa umqhubi ezive ngathi ufuna ukuqhwitha indlela. Bazidla mpela abakwa-Infiniti nge-system yabo yeempondo zokuqhuba efumaneka kwi-Q50S Hybrid ne-Sport. Le-Drive-by-Wire System yeyombane ngokupheleleyo, ayikho into edibanisa iimpondo zokuqhuba namavili, yonke into ilawulwa ngombane nge-computer enamandla mpela.

Bathi oku kunceda ukuba iimpondo zikwazi ukukweziwa zithambe okanye ziqine ngokuxhomekeka kwemo yokuqhuba ukuba uyiqhwithe kuhola wendlela emaphandleni okanye unyoshoza edolophini. Xa iimpondo zokuqhuba zingadibenanga namavili, oku kunceda ukuba umqhubi akaphazanyiswa kakhulu ezandleni nasezingalweni xa amavili enyathela izigingqi endleleni.

Abanye bayakrokra ukuba le ndlela yokulawula iimpondo zokuqhuba kwenza umqhubi angabinalawulo lupheleleyo lwemoto, kodwa kwa-Infiniti bathi lukhona unxulumaniso lweempondo namavili mhla umbane eyekile okanye ngempazamo umbane uphele kwibhetri yemoto.

Ngaphakathi lufele phantsi naphezulu. Yonke into isebenza ngombane, ukusuka kwizitulo zangaphambili ukuya kwiimpondo zokuqhuba nezipili zangaphandle. Izitulo ziyashushubezeka ziyagodolisa, nditsho zixhasa nomzantsi womqolo nezintso.

Kwi-dashboard ye-Q50, zimbini ii-screen ezicofekayo. Esinye esingezantsi silawula isimo semoto endleleni nobuqondo-bobushushu ngaphakathi. Esesibini ngaphezulu sibonisa i-navigation nonomathotholo nezinye (Bluetooth, USB, aux, DVD).

Kwa-Infiniti bazithembile ngeemoto zabo, kangangokuba kwezi nyanga zimbini zigqithileyo bafake enye imoto entsha kuluhlu lweemoto zabo abazithengisa apha e-Mzantsi. I-QX80 izimisele ukuphikisana nee-Toyota Land Cruiser VX, Range Rover Big Body, ne-Lexus LX. Uyilo lweemoto zakwa-Infiniti aluqhelekanga.

Ngoko ke ibangathi zimbi emehlweni, kodwa singatsho sithi imifanekiso yazo ayibonisi nyani. Besihleli imini yonke nezi moto, zaya ngokuthandeka mpela i-Q50 ne-QX70, ngakumbi xa zinesinxibo se-Sport. Ngaphandle kwala-QX80, yona ayide ilunge tu emhlweni, ayimbi kangaka. Ngeyethu imali (ukuba besinayo), singazibona sihamba nge-QX70S, khona laa-5.0 V8 enesingqi se-exhaust esihamba sodwa.

Amanani Angawona Aphantsi:

Infiniti Q50 – R420 000

Infiniti Q60 Cabrio – R701 687

Infiniti QX70 – R699 500

Infiniti QX80 – R1 238 300

Warranty 3 years/100 000 km

Service Plan 5 yrs/100 000 km