Uphando: Isimo se-Anorexia sibangelwa yintsholongwane

Isimo sokungafuni kutya (Anorexia) ingabangelwa yintsholongwane ephazamisana namajoni omzimba, lutsho uphando.

Oogqirha babona esi simo sokungafuni kutya njengengxaki yasengqondweni ebangelwa yimiba ethile yasekuhlaleni.

Kodwa iingcali zophando kwiYunivesithi yaseLancaster naseMorecambe Bay NHS Trust zidiza ukuba oku kunokuzalwa kokuthile nolosuleleko lomzimba.

Abanabo ubungqina bokuxhasa le ngcamango yabo, kodwa bacinga ukuba intsholongwane ingatyhala amajoni omzimba ukuba ahlasele ingqondo, aze adale iingxaki zomphefumlo (emotional problems).

UGqr. Quenton Wessels weYunivesithi yaseLancaster, uxelele iSunday Telegraph ukuba izilwa-buhlungu zasegazini (antibodies) ezisengqondweni zikhuthaza izimo ezithile zomphefumlo kuquka ukonyanya nokoyika.

GQABA GQABA nje yintoni i-Anorexia Nervosa?

Kukoyika ukutya ngeengcinga zokuba xa uthe watya uyakuba nomzimba otyebileyo.

Abantu abakwesi simo se-Anorexia bahlala begadene nomzimba wabo nendlela abamile ngayo, nalapho baye basebenzise iinzame eziphazamisana nendlela yabo yokwenza izinto zobomi babo.

Ukuphepha ukutyeba okanye ukuphulukana nomzimba omkhulu, abantu abakwisimo se-anorexia ixesha elininzi bayabugada ubungakanani bokutya abakutyayo.

Bangenza oku ngokuzigabhisa emva kokuba betyile okanye basebenzise ngendlela engeyiyo iipilisi zokuhambisa, izinto zokuthoba umzimba, iivenge zokuzicima kwanezinye izinto.

I-Anorexia ayinanto yakwenza nakutya. Yindlela engekho mpilweni yokuzama ukubaleka kwiingxaki zasemphefumlweni. I-Anorexia yinto enzima ukukhawulelana nayo.

Kodwa ngonyango, ungazifumana ukuba ungubani kwakhona, ubuyele kwindlela eqhelekileyo yokutya.