Uphando lomfundi ngeengxaki zezemfundo eNgcobo

Gqr. Sakhiwo Mpoposhe

IINGXAKI zezemfundo zakuphela mhla iinqununu zifumana uqeqesho kwimingxilo yolawulo nokukhokela, kuba okwangoku uninzi lwazo zingena kubunqununu zingenazo ezi zakhono.

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni kufuneka liqwalasele umba wokuqeqeshwa kweenqununu phambi kokuba zingene kulawulo lwezikolo. Unobangela wokwanda kweengxaki zezemfundo kukuba iinqununu ziqeqeshelwe ukuba ngootitshala hayi ukuba ngabalawuli okanye abakhokeli.

Oku kuvela kuphando lukaGqirha Sakhiwo Mpoposhe othweswe izidanga zobugqirha-lwazi (PhD) kwezemfundo kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) eMthatha kwiveki ephelileyo.

UMpoposhe, obesakuba yinqununu yaseNyanga High eNgcobo, wenze uphando oluhlola intsebenziswano phakathi koomanejala beesekethe zaseNgcobo kwakunye neenqununu zale ndawo.

Ngokwenza olu phando, uMpoposhe wenze udliwano-ndlebe neenqununu ezilishumi zaseNgcobo kwakunye noomanejala beesekethe abasixhenxe kuquka nokuthumela imibuzo kwiinqununu ezingamashumi alithoba (90) kwesi sithili.

Ngokophando kufumaniseke ukuba oomanejala beesekethe zaseNgcobo abanazixhobo zaneleyo zokuqhuba imisebenzi yabo, futhi kukwanqongophele nabasebenzi nto leyo ithi yenze ukuqhwalela konxulumano ekuphumezeni iinkqubo zezemfundo zesithili.

UMpoposhe ukwafumanise ukuba oomanejala beesekethe zaseNgcobo abayinikezi inkxaso kwiinqununu zabo, nanjengoko kufuneka benze njalo.

Lo kaMpoposhe uthi ubeyinqununu iminyaka elishumi elinesixhenxe ukusuka ngo-1996 kwisikolo iNyanga High kwaye iingxaki ezijamelene nesi sithili uyazazi.

“Xa ithe yaphumelela inquleqhu yam yokuhlohla ezemfundo apha eWSU, ndineengcingane yokuba iWSU le ibenendlela yokuncedisa iinqununu zaseMpuma Koloni khon’ ukuze lowo ucinga ukuba yinqununu angafumani bunzima nanjengoko kwakwenzekile kuthi.

“Kufuneka kubekho iinkqubo zokunceda abo banqwenela ukuba ziinqununu kuquka nabo sele bezizo, khon’ ukuze ubani angaphathi eyeka xa efumene ithuba lokuba yinqununu. Kuphando lwam ndikwafumanise ukuba iinqununu zezikolo phaya eMelika zifumana uqeqesho lwabucala ngeenjongo zokuba zizuze izakhono zolawulo nesikhokelo,” utshilo uMpoposhe.