Uphando oluqhutywa liSebe lezeKhaya ludiza ukuba umama kaChidimma Adetshina utyholwa ngokuba isazisi senkosikazi yoMzantsi Afrika nto leyo eyabangela ukuba le nkosikazi ingakwazi ukubhalisa umntwana wakhe kwiminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) eyadlulayo.
ISebe linikezele ngohlaziyo kuphando oluqhubekayo malunga nobumi buka-Adetshina, okhuphisanayo kukhuphiswano loonobuhle, uMiss SA.
Oku kuza emva kokuba abantu behlabe ikhwelo kumbutho woonobuhle uMiss SA ukuba bamsuse uAdetshina kolu khuphiswano kuba besithi akangowaseMzantsi Afrika kuba utata wakhe ngowaseNigeria kwaye unina kuthiwa ngowaseMozambique, nangona lo nobuhle kuthiwa wazalelwa eMzantsi Afrika.
ISebe likwaqinisekise ukuba ngoMvulo, umhla wesihlanu kweyeThupha 2024, abaququzeleli bakaMiss SA bathumele iSebe isicelo sokuqinisekisa ubumi baka-Adetshina.
“Esi sicelo sakhatshwa yimvume ebhaliweyo evela kuAdetshina kunye nomama wakhe.
“Ekufumaneni esi sicelo, iSebe lasebenzisa zonke izixhobo eziluncedo ekuqinisekiseni ubunyani,” litshilo iSebe kwingxelo.
NgokweSebe, kulwazi oluqokelelweyo ukuza kuthi ga ngoku, bafumanise ukuba zikhona izizathu zokuba bakholelwe ukuba ubuqhophololo nobusela bezazisi kungenzeka ukuba benziwe ngumntu obhalwe kwiirekhodi zeSebe lezeKhaya njengomama ka-Adetshina.
ISebe lithi oku kube nefuthe elibi kumama owabelwa isazisi.
“ISebe lilwandise uphando lwalo ukuze lichonge kwaye lilandele nawaphi na amagosa abandakanyekayo kwisityholo sobuqhophololo, kwaye likwafumana iingcebiso zomthetho malunga neziphumo zesenzo sobuqhophololo esityholwa kwisimo sobumi buka-Adetshina,” itshilo ingxelo yeSebe lezeKhaya.
ISebe lithi xa ligqiba uphando, linenjongo yokubeka izityholo zolwaphulo-mthetho kubo bonke ababandakanyekayo.
Baye baqinisekisa ukuba kukho unxibelelwano oluqhubekayo nabo bonke abachaphazelekayo, kuquka nomama ka-Adetshina.
ISebe lezeKhaya likwathe esi siganeko senzeka kwiminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) eyadlulayo sibonisa imfuneko engxamisekileyo yokuphuculwa kwezicelo nenkqubo yeSebe.
Olu phando lusaqhuba.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi