Uphando lweWSU ngokhuseleko lwamayeza esintu kwabakhulelweyo

 

Umchamo wemfene, umayime nesihlambezo ngamayeza esintu akhuselekileyo asetyenziswa ngamakhosikazi akhulelweyo.

Oku kungqinwa luphando oluthe lwenziwa ngumfundi waseWalter Sisulu University uAsavela Kasa osandul’ ukuthweswa isidanga seMaster of Arts nathe wasiphumelela emagqabini emva kophando lwakhe olusisihloko esithi “Health Seeking Behavior of Traditional Women Using Traditional Medicine: A case Study of Lalini Location, Qumbu Village [UkuPhendla uNcedo ngezeMpilo kuMakhosikazi eMveli aSebenzisa amaYeza esiNtu: Uphandosifundo eLalini kuQumbu]”.

Olu phando lwenziwe nguKasa belujolise kanye kumakhosikazi ingakumbi lawo sele enamava ekusebenziseni amayeza esintu xa ekhulelwe ingakumbi lawo ahlala emakhaya.

UKasa uthi ibikukuva eyona njongo yokuba kutheni amakhosikazi ekhethe ukusebenzisa isintu ngokoncedo lonyango xa ekhulelwe. Uthi omnye umdla ubuphambili ngolu phando kukuqaphela ukuba kwiilali zakhe abantu ababhinqileyo abaninzi baye baxabise ukusebenzisa amayeza esintu xa besokola ukukhulelwa kanti naxa sele bekhulelwe baye baqhubeke besela kwezonyanga zabo zilithoba bekhulelwe de babeleke.

Ingcambu umayime ekukholeleka ukuba inceda abafumana ubunzima ekukhulelweni UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ngokophando, owona nobangela wokuba amakhosikazi endawo yaseLalini kuQumbu, asebenzise amayeza esintu kukuba akude neekliniki apho anokuthi afumane uncedo lwesilungu.

“Elinye lamayeza esintu abalisebenzisayo libizwa isihlambezo. Eli yeza lisetyenziswa ngamakhosikazi akhulelweyo emva kweenyanga ezintathu de abe kanti ubelekiwe umntwana. Eli yeza lifakwa emanzini kwaye inkosikazi kufuneka ilisele rhoqo ekuseni nasemalanga ukuze ibeleke umntwana osempilweni,” utshilo uKasa.

UKasa uqhube wathi uninzi lwabasebenzisa la mayeza ngamakhosikazi aphakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesihlanu (25-35).

“Uninzi lwawo la makhosikazi, kukholeleka ukuba anyanzelwa zizihlobo okanye abantu bemizi atshatele kuyo ukuba bawasebenzise, kwaye la makhosikazi awafundanga abanye bayile kodwa abagqiba isinala, abanye abangena eyunivesithi,” wongeze ngelo uKasa.

La makhosikazi akhulelweyo ayakwazi ukusebenzisa amayeza esiNtu nalawo aseNtshona, ngaxeshanye, xa ekwazi okanye besethubeni lokufikelela ekliniki.

Uphando luveza ukuba ukusetyenziswa kwala mayeza esiNtu akudali zingxaki emntwaneni nakumama womntwana.

Amanye amayeza esintu asetyenziswayo ngumchamo wemfene nekukholelwa ukuba ucoca isanya kwakunye nekhala ekukholeleka ukuba licoca isibeleko.

UKasa uthi abo bafumana ubunzima ekukhulelweni basebenzisa iyeza ekuthiwa ngumayime apho badibanisa ingcambu namagqabi kwakunye namanzi adikidiki ukuze basele.

Igqirhakazi elincokole nephaphandaba I’solezwe, lingqinile ngophando lwamayeza enziwe nguKasa. Uthi kwakude kudala iikliniki zisanqabile emakhaya kwakusetyenziswa amayeza esintu, xa inkosikazi ingakhulelwa isebenzise la mayeza itsho ikhulelwe.

Uthi nangona kwakungekho buxhakaxhaka bale mihla bokuwavavanya la mayeza kodwa abantu bakudala babenethemba kwaye beqinisekile ngokusetyenziswa kwala mayeza.