Ibutho lophando elikhethekileyo (SIU) libhengeze ukuba likwinkqubo yokuqalisa uphando ngakwizigidi ngezigidi zeerandi ezibhunyulwa kwisebe lezeMpilo eMpuma Koloni ngenxa yamabango omgunyathi amalunga nonyango olugwenxa kweli sebe.
La mabango enzeka xa isigulane sithe satyelela izibhedlele okanye iikliniki zesebe lezeMpilo emva koko umntu anyangwe okanye aphathwe gwenxa ngamagosa esebe, lezeMpilo nto leyo iye ikhokelele kwisidumbu okanye ugogeko ngenxa yalo mpatho.
Umanejala weenkqubo zeSIU eMpuma Koloni uGina Howes uthi kumaxesha athile, kwenziwa la mabango abe amaxhoba ale mpatho-mbi engenalwazi malunga nalo mabango.
Oku kungenxa yamagosa esebe lezempilo athi asebenzisane namagqwetha ukuthabatha amaxwebhu ezigulane ngeenjongo zokugqebhelana imali. Kunyaka-mali ka-2015-16, eli sebe lichithe imali engange-R147 yezigidi zeerandi (R147 million) isiya kumagqwetha afuna imbuyekezo kweli sebe, esithi amele izigulane.
UHowes uthi kunyaka-mali ka-2014-15, isebe lezempilo libenenkcitho-mali engagunyaziswanga ye-R72 yezigidi zeerandi ngenxa yamabango omgunyathi.
“Ukusukela ngo-2005 amabango enziwa (ngenxa yonyango olugwenxa okanye impatho-mbi) kwisebe anyuke ukusuka kwi-R4.5 yezigidi zeerandi ukuya kwi-R4.8 yeebhiliyoni zeerandi. Malunga namashumi alithoba anesithandathu ekhulwini (96%) ala mabango, asuka kwidolophu enye,” utshilo uHowes.
UMphathiswa wesebe lezeMpilo kweli phondo uGqirha Pumza Dyantyi wavakalisa kwintetho yomgaqo-nkqubo wesebe lakhe kunyaka-mali ka-2016-17, ukuba yondele le nyewe esebeni.
“Sifumanisile ukuba kukho abantu abanobuqhophololo obukhulu kulo mbandela njengoko sithe saziswa ukuba kukho amagqwetha asebenzisa abasebenzi bethu ukuba bebe iinkcukacha zezigulane ngeendlela ezigwenxa, bebathembisa ngekati esengxoweni,” kwatsho uDyantyi.
UHowes uthi amalungu eSIU azakuya kwisebe lezeMpilo ukufunxa ulwazi oluphangaleleyo malunga noku, emva koko balindele kuMongameli Jacob Zuma ukuba anqwale intloko malunga nophando.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro